1
1 KUTIMOTI 6:12
IBHAYIBHILE
Kolu gqatso lokholo yenza konke okusemandleni ukuze ubufumane ubomi obungonaphakade. Ewe, kaloku wabizelwa yona le njongo, ngokuya wawusenza isivumo sokholo phambi kwamangqina amaninzi.
Thelekisa
Phonononga 1 KUTIMOTI 6:12
2
1 KUTIMOTI 6:10
Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.
Phonononga 1 KUTIMOTI 6:10
3
1 KUTIMOTI 6:6
Ewe kambe, unqulo luyamtyebisa umntu ukuba uyaneliswa zezo zinto anazo.
Phonononga 1 KUTIMOTI 6:6
4
1 KUTIMOTI 6:7
Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto.
Phonononga 1 KUTIMOTI 6:7
5
1 KUTIMOTI 6:17
Bayale abantu abanobutyebi beli hlabathi bangaziphakamisi baqamele ngento engaqinisekanga njengemali, koko mabathembele kuThixo, kuba yena unezinwe, unako ukusenza sixhamle zonke izinto sonwabile.
Phonononga 1 KUTIMOTI 6:17
6
1 KUTIMOTI 6:9
Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni.
Phonononga 1 KUTIMOTI 6:9
7
1 KUTIMOTI 6:18-19
Bakhuthaze benze imisebenzi emihle, babe zizinhanha ngemisebenzi elungileyo, babe nezinwe, babaphe abasweleyo. Ukuba benjenje ke boba bazigcinela indyebo eya kuba sisiseko sekamva labo. Ngokwenjenjalo bobuzuza ubomi bokwenyani.
Phonononga 1 KUTIMOTI 6:18-19
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo