1
1 KASAMWELI 17:45
IBHAYIBHILE
Uthe yena uDavide kumFilistiya lowo: “Uza kum uphethe ikrele, umkhonto, nentshuntshe, wena; kodwa mna ndiza kuwe egameni likaNdikhoyo onamandla onke, uThixo womkhosi wakwaSirayeli, lo wena uwudelileyo.
Thelekisa
Phonononga 1 KASAMWELI 17:45
2
1 KASAMWELI 17:47
Sonke esi sihlwele esihlangene apha soqonda ukuba uNdikhoyo akadingi makrele namikhonto ukusindisa abantu bakhe. Nguye olilawulayo idabi, yaye nonke uza kuninikela ezandleni zethu.”
Phonononga 1 KASAMWELI 17:47
3
1 KASAMWELI 17:37
UNdikhoyo owandisindisayo koozingonyama noomabhere nangoku uza kundisindisa kulo mFilistiya.” “Kulungile ke, yiya, mfo wam; ubenga uNdikhoyo anganawe,” watsho uSawule.
Phonononga 1 KASAMWELI 17:37
4
1 KASAMWELI 17:46
Namhla oku uNdikhoyo uza kukunikela kum. Ndiza kukuwisa, ndikunqumle intloko. Izidumbu zomkhosi wamaFilistiya zona ndoziphosa kumaxhalanga namarhamncwa, lonke elimiweyo likwazi ukuba uSirayeli unoThixo.
Phonononga 1 KASAMWELI 17:46
5
1 KASAMWELI 17:40
Wathatha intonga yakhe, wachola amatye ampuluswa amahlanu apho entlanjeni, wawafaka engxoweni yakhe yokwalusa. Warhola *inkwitshi yakhe, wahamba ukuya kugagana nomFilistiya lowo.
Phonononga 1 KASAMWELI 17:40
6
1 KASAMWELI 17:32
Wafika wathi uDavide kuSawule: “Mhlekazi, makungabikho bani unkwantyayo ngenxa yalaa mFilistiya! Mna mkhonzi wakho ndiza kuya kulwa naye.”
Phonononga 1 KASAMWELI 17:32
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo