1
1 KAPETROS 5:7
IBHAYIBHILE
Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.
Thelekisa
Phonononga 1 KAPETROS 5:7
2
1 KAPETROS 5:10
Kodwa ke, emva kwezo mbandezelo zomzuzwana, uThixo umthombo wesisa owanibizayo ngokumanywa kwenu noKrestu, khon' ukuze nibe nenxaxheba kubuqaqawuli bakhe obungapheliyo, uya kunihlaziya anomeleze, anixhobise, nime ngxishi.
Phonononga 1 KAPETROS 5:10
3
1 KAPETROS 5:8-9
Hlalani nithe qwa, nilumke! Kaloku ummangaleli wenu umtyholi ugquma njengengonyama. Uyajikeleza; uzingela umntu angamqwengayo. Yimani ningahexi elukholweni, nimchase. Khumbulani ukuba namanye amakholwa athubeleza kwiimbandezelo ezikwanjalo apha emhlabeni.
Phonononga 1 KAPETROS 5:8-9
4
1 KAPETROS 5:6
Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.
Phonononga 1 KAPETROS 5:6
5
1 KAPETROS 5:5
Kwangaloo ndlela ke nani, bafana, walulameleni amadoda amakhulu. Xa ninonke ke ngoko yithani wambu ukuthobelana. Kaloku uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa unesisa kwabathobekileyo.
Phonononga 1 KAPETROS 5:5
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo