1
ISITYHILELO 21:4
IZIBHALO EZINGCWELE
Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, Kungabi sabakho kufa, Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; Ngokuba izinto zokuqala zigqithile.
Thelekisa
Phonononga ISITYHILELO 21:4
2
ISITYHILELO 21:5
Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Ùyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Athi kum, Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo.
Phonononga ISITYHILELO 21:5
3
ISITYHILELO 21:3
Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi: Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; Uya kuhlala nabo emnqubeni, Bona babe ngabantu bakhe, Yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo
Phonononga ISITYHILELO 21:3
4
ISITYHILELO 21:6
Wathi kum, Kwenzekile; mna ndinguAlfa• no-Omega,• isiqalo nesiphelo; mna ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa.
Phonononga ISITYHILELO 21:6
5
ISITYHILELO 21:7
Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.
Phonononga ISITYHILELO 21:7
6
ISITYHILELO 21:8
Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.
Phonononga ISITYHILELO 21:8
7
ISITYHILELO 21:1
Ndabona izulu elitsha, nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule, nolwandle alusekho.
Phonononga ISITYHILELO 21:1
8
ISITYHILELO 21:2
Ndaza mna, Yohane, ndawubona umzi ongcwele, iYerusalem entsha, usihla uvela kuThixo, uphuma emazulwini, ulungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe.
Phonononga ISITYHILELO 21:2
9
ISITYHILELO 21:23-24
Umzi lowo awufuni langa, kwanayo inyanga, kuba ubuqaqawuli bukaThixo buwukhanyisela, nayo iMvana isisibane sawo. Iintlanga zabo basindiswáyo ziya kuhamba ekukhanyeni kwawo; ookumkani bomhlaba bazise kuwo uzuko nembeko yabo.
Phonononga ISITYHILELO 21:23-24
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo