1
UMARKO 2:17
IZIBHALO EZINGCWELE
Ekuvile ke oko uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo lifuneka kwabafayo. Andizé kubiza malungisa, ndizé kubiza aboni, ukuba baguquke.
Thelekisa
Phonononga UMARKO 2:17
2
UMARKO 2:5
Akulubona ke uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho.
Phonononga UMARKO 2:5
3
UMARKO 2:27
Wayesithi kubo, Isabatha le yabakho ngenxa yomntu, asingumntu owabakhoyo ngenxa yesabatha.
Phonononga UMARKO 2:27
4
UMARKO 2:4
Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika entungo apho abekhona; bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe.
Phonononga UMARKO 2:4
5
UMARKO 2:10-11
Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (uthi konedumbe), Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.
Phonononga UMARKO 2:10-11
6
UMARKO 2:9
Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi konedumbe, Ùzixolelwe izono; kukho nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe?
Phonononga UMARKO 2:9
7
UMARKO 2:12
Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke, ngokokude bathi nqa bonke, bamzukise uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje.
Phonononga UMARKO 2:12
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo