1
UMARKO 11:24
IZIBHALO EZINGCWELE
Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; nòba nazo.
Thelekisa
Phonononga UMARKO 11:24
2
UMARKO 11:23
Kuba inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle, angàthandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka, wokuzuza oko athe wakuthetha.
Phonononga UMARKO 11:23
3
UMARKO 11:25
Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu.
Phonononga UMARKO 11:25
4
UMARKO 11:22
Uphendule uYesu wathi kubo, Yibani nokukholwa kuThixo.
Phonononga UMARKO 11:22
5
UMARKO 11:17
Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.
Phonononga UMARKO 11:17
6
UMARKO 11:9
Baye abo babehamba ngaphambili, nabo babelandela, bedanduluka, besithi, Hosana; makabongwe lo uzayo egameni leNkosi.
Phonononga UMARKO 11:9
7
UMARKO 11:10
Mabubongwe ubukumkani bobawo wethu uDavide, obo buzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!
Phonononga UMARKO 11:10
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo