1
UMATEYU 25:40
IZIBHALO EZINGCWELE
Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum.
Thelekisa
Phonononga UMATEYU 25:40
2
UMATEYU 25:21
Yathi ke kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.
Phonononga UMATEYU 25:21
3
UMATEYU 25:29
Kuba wonke umntu onako uya kunikwa, abe nako ngokugqithiseleyo; ke ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.
Phonononga UMATEYU 25:29
4
UMATEYU 25:13
Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.
Phonononga UMATEYU 25:13
5
UMATEYU 25:35
kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini
Phonononga UMATEYU 25:35
6
UMATEYU 25:23
Yathi kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.
Phonononga UMATEYU 25:23
7
UMATEYU 25:36
ndandizé, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.
Phonononga UMATEYU 25:36
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo