1
UMATEYU 13:23
IZIBHALO EZINGCWELE
Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; othi yena okunene axakathe iziqhamo; omnye ke enze ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu.
Thelekisa
Phonononga UMATEYU 13:23
2
UMATEYU 13:22
Lowo ke uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi, lithi ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo.
Phonononga UMATEYU 13:22
3
UMATEYU 13:19
akubon' ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; lo nguye lowo wahlwayelwa ngasendleleni.
Phonononga UMATEYU 13:19
4
UMATEYU 13:20-21
Lowo ke uhlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo; abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko.
Phonononga UMATEYU 13:20-21
5
UMATEYU 13:44
Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu akubufumana wabufihla; aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi.
Phonononga UMATEYU 13:44
6
UMATEYU 13:8
Ezinye ke zawa kuwo wona umhlaba omhle, zanika iziqhamo, olunye lwanika ikhulu, olunye amashumi amathandathu, nolunye amashumi amathathu.
Phonononga UMATEYU 13:8
7
UMATEYU 13:30
Yekani kukhule ndawonye kokubini, kude kube sekuvuneni; ngenxa ke lokuvuna ndothi kubavuni, Buthani kuqala umdiza, niwubophe ube zizithungu, utshiswe, kodwa yona ingqolowa yihlanganiseleni kuvimba wam.
Phonononga UMATEYU 13:30
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo