1
ABAGWEBI 7:2
IZIBHALO EZINGCWELE
Wathi uYehova kuGidiyon, Baninzi abantu abanawe, kunokuba ndiwànikele amaMidiyan esandleni sabo; hleze amaSirayeli aqhayise, athi, Sisindiswe sisandla sethu.
Thelekisa
Phonononga ABAGWEBI 7:2
2
ABAGWEBI 7:7
Wathi uYehova kuGidiyon, Ndiya kunisindisa ngala madoda amakhulu mathathu akramnceleyo, ndiwànikele amaMidiyan esandleni sakho. Bonke abanye abantu mabagoduke, elowo aye endaweni yakhe.
Phonononga ABAGWEBI 7:7
3
ABAGWEBI 7:3
Khawudanduluke ke ngoko ezindlebeni zabantu, uthi, Owoyikayo nogubhayo makabuye, makanyebeleze emke ezintabeni zeGiliyadi. Kwabuya ke kubo abantu abangamawaka angamashumi omabini anamabini; kwasala amawaka alishumi.
Phonononga ABAGWEBI 7:3
4
ABAGWEBI 7:4
Wathi uYehova kuGidiyon, Abantu basebaninzi. Yihla nabo, uye emanzini, ndikukhethele bona apho; kothi, endithe kuwe, Lo uya kuhamba nawe, maze ahambe nawe yena; bonke endisukuba ndithi kuwe, Lo akayi kuhamba nawe, ize angahambi nawe yena.
Phonononga ABAGWEBI 7:4
5
ABAGWEBI 7:5-6
Wehla nabantu waya emanzini; wathi uYehova kuGidiyon, Bonke abasukuba bekramncela amanzi ngolwimi lwabo, njengoko ixhaphayo inja, uze ubamise bodwa; bonke abasukuba beguqa ngamadolo abo ukuba basele, uze ubamise bodwa. Inani labaseláyo ngesandla salo emlonyeni laba ngamadoda amakhulu mathathu; bonke abanye abantu baguqa ngamadolo abo ukuba basele amanzi.
Phonononga ABAGWEBI 7:5-6
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo