1
EKAYAKOBI 2:17
IZIBHALO EZINGCWELE
Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo.
Thelekisa
Phonononga EKAYAKOBI 2:17
2
EKAYAKOBI 2:26
Kuba, kwanjengokuba umzimba, ungekho umoya, ufile, ngokunjalo ukholo, ingekho imisebenzi, lufile nalo.
Phonononga EKAYAKOBI 2:26
3
EKAYAKOBI 2:14
Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu uthi únokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako yini na ukumsindisa ukholo lwakhe?
Phonononga EKAYAKOBI 2:14
4
EKAYAKOBI 2:19
Wena uyakholwa ukuba uThixo mnye; uyatyapha; nazo iidemon ziyakholwa, zibe namanwele.
Phonononga EKAYAKOBI 2:19
5
EKAYAKOBI 2:18
Wosuka omnye, athi, Wena unokholo, ke mna ndinemisebenzi; ndibonise ukholo lwakho olungenamisebenzi yakho; nam ndokubonisa ngokwasemisebenzini yam ukholo lwam.
Phonononga EKAYAKOBI 2:18
6
EKAYAKOBI 2:13
Kuba umgwebo awuyi kuba natarhu kulowo ungenzanga nceba; kananjalo inceba iyawuqhayisela umgwebo.
Phonononga EKAYAKOBI 2:13
7
EKAYAKOBI 2:24
Niyabona ke ngoko, ukuba umntu uyagwetyelwa ngokwasemisebenzini; kungabi ngokwaselukholweni lodwa.
Phonononga EKAYAKOBI 2:24
8
EKAYAKOBI 2:22
Ùyabona ukuba ukholo lwalusebenzisana nemisebenzi yakhe, lwênziwa wagqibelela ukholo ngokwasemisebenzini?
Phonononga EKAYAKOBI 2:22
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo