1
UISAYA 60:1
IZIBHALO EZINGCWELE
Suk' ume ukhanye, kuba kufikile ukukhanya kwakho, nobuqaqawuli bukaYehova buthe chapha kuwe.
Thelekisa
Phonononga UISAYA 60:1
2
UISAYA 60:3
Ziya kuhamba iintlanga zize ekukhanyeni kwakho, ookumkani beze ebumhlotsheni bokuthi chapha kwakho.
Phonononga UISAYA 60:3
3
UISAYA 60:2
Ngokuba, uyabona, ubumnyama buwugubungele umhlaba, isithokothoko sizigubungele izizwe; ke kuwe uYehova uthe chapha, ubuqaqawuli bakhe bubonakele phezu kwakho.
Phonononga UISAYA 60:2
4
UISAYA 60:22
Omncinanana uya kuba liwaka, noweyeleyo abe luhlanga olunamandla. Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako oko.
Phonononga UISAYA 60:22
5
UISAYA 60:19
Ilanga aliyi kuba saba sisikhanyiso kuwe emini, nenyanga ingàkukhanyiseli, ukuze kube mhlophe kuwe; uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, uThixo wakho abe sisihombo sakho.
Phonononga UISAYA 60:19
6
UISAYA 60:20
Aliyi kuba satshona ilanga lakho, ingafi nenyanga yakho; kuba uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, zizaliseke iimini zesijwili sakho.
Phonononga UISAYA 60:20
7
UISAYA 60:5
Ùya kwandula ukubona, ukhazimle, inkwantye yande intliziyo yakho; ngokuba iya kuguqulelwa kuwe intabalala yolwandle, ubutyebi beentlanga buya kuza kuwe.
Phonononga UISAYA 60:5
8
UISAYA 60:4
Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, baza kuwe; oonyana bakho bavela kude, neentombi zakho zibelekwe ephangweni.
Phonononga UISAYA 60:4
9
UISAYA 60:21
Abantu bakho baya kuba ngamalungisa bonke bephela, balidle ilifa ilizwe ngonaphakade; besisithole esityelwe ndim, isenzo sesandla sam sokuba ndihombe.
Phonononga UISAYA 60:21
10
UISAYA 60:18
Akuyi kuba savakala lugonyamelo ezweni lakho, imbuqo nolwaphulo emideni yakho; iindonga zakho ukuzibiza wòthi luSindiso, namasango akho uthi yiNdumiso.
Phonononga UISAYA 60:18
11
UISAYA 60:11
ohlala evuliwe amasango akho imini nobusuku; akayi kuvalwa, ukuze bungeniswe kuwe ubutyebi beentlanga, nookumkani bazo beqhutywa.
Phonononga UISAYA 60:11
12
UISAYA 60:6
Inkitha yeenkamela iya kukugubungela, amagobo akwaMidiyan nawakwaEfa, bonke bephela baya kuza bevela kwaShebha, bezisa igolide nentlaka emhlophe, beshumayela iindaba ezilungileyo zeendumiso zikaYehova.
Phonononga UISAYA 60:6
13
UISAYA 60:10
Oonyana bolunye uhlanga baya kuzakha iindonga zakho, ookumkani babo bakulungiselele; kuba ndikubethe ndinoburhalarhume, kodwa ndaba nemfesane kuwe ndinetarhu
Phonononga UISAYA 60:10
14
UISAYA 60:15
Esikhundleni sokuba ubushiyiwe, uthiyiwe, akwabakho bani ucanda kuwe, ndiya kukwenza ke ingangamsha engunaphakade, imihlali yezizukulwana ngezizukulwana.
Phonononga UISAYA 60:15
15
UISAYA 60:16
Ùya kwanya amasi eentlanga, wanye ibele lokumkani, wazi ukuba mna Yehova ndinguMsindisi wakho, uMkhululi wakho, iMbalasane kaYakobi.
Phonononga UISAYA 60:16
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo