Ndabona ke, nanko kusiza umoya ovuthuzayo, uvela ngasentla, unelifu elikhulu nomlilo obumbeneyo njengembumbulu, nobumhlophe obungeenxa zonke kulo, obuphuma ngaphakathi kwawo, bubonakala ngathi yigolide evuthiweyo emlilweni phakathi. Ngaphakathi kwawo yimfano yezinto eziphilileyo eziné. Nantsi ke imbonakalo yazo: zibe zinemfano yomntu; inye ibinobuso obuné, inye kuzo apho ibinamaphiko amané. Imilenze yazo ibiyimilenze ethe nkqo; umphantsi weenyawo ubunjengomphantsi wenqina lethole; zidangazela zibonakala ngathi lubhedu olubengezelisiweyo. Zazinezandla zomntu ngaphantsi kwamaphiko azo emacaleni azo omané; zoné ke zinobuso namaphiko; amaphiko azo abehlangene, elaleyo nelaleyo; bezingajiki ekuhambeni kwazo, bezihamba, iyileyo iye kwicala elikhangelene nobuso bayo.