1
KWABASE-EFESE 6:12
IZIBHALO EZINGCWELE
Ngokuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.
Thelekisa
Phonononga KWABASE-EFESE 6:12
2
KWABASE-EFESE 6:18
ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele
Phonononga KWABASE-EFESE 6:18
3
KWABASE-EFESE 6:11
Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi.
Phonononga KWABASE-EFESE 6:11
4
KWABASE-EFESE 6:13
Ngenxa yoko, qubulani sonke isikrweqe sikaThixo; ukuze nibe nako ukuchasa ngomhla ombi, nithi nikufezile konke, nime nimi.
Phonononga KWABASE-EFESE 6:13
5
KWABASE-EFESE 6:16-17
Ngaphezu kwezo zinto zonke, qubulani ikhaka lokholo, lona nothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zakhe ongendawo. Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo
Phonononga KWABASE-EFESE 6:16-17
6
KWABASE-EFESE 6:14-15
Misani ke ngoko, níbhinqé inyaniso esinqeni senu, ninxibé isigcina-sifuba sobulungisa, nibophé ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo.
Phonononga KWABASE-EFESE 6:14-15
7
KWABASE-EFESE 6:10
Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo.
Phonononga KWABASE-EFESE 6:10
8
KWABASE-EFESE 6:2-3
Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga; ukuze kulunge kuwe, ube nexesha elide emhlabeni.
Phonononga KWABASE-EFESE 6:2-3
9
KWABASE-EFESE 6:1
Nina bantwana, baveni abazali benu ngokwabaseNkosini; kuba oko kububulungisa.
Phonononga KWABASE-EFESE 6:1
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo