1
KUTIMOTI I 6:12
IZIBHALO EZINGCWELE
Wuzame umzamo omhle wokholo; bubambe ubomi obungunaphakade, owabizelwa nokubizelwa kubo, waza waluvuma uvumo oluhle emehlweni amangqina amaninzi.
Thelekisa
Phonononga KUTIMOTI I 6:12
2
KUTIMOTI I 6:10
Kuba ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi: abathe abathile, ngokuzolulela kuko, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi.
Phonononga KUTIMOTI I 6:10
3
KUTIMOTI I 6:6
Ke kona ukuhlonela uThixo, kúndawonye nokwanela, kusekelezé inzuzo enkulu.
Phonononga KUTIMOTI I 6:6
4
KUTIMOTI I 6:7
Kuba sibe singangénanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto.
Phonononga KUTIMOTI I 6:7
5
KUTIMOTI I 6:17
Abazizityebi kweli phakade langoku bathethele bangakratshi, bangathembeli butyebini bungagqalekiyo; mabathembele kuThixo ophilileyo, obeka phambi kwethu izinto zonke ngokobutyebi, ukuba zidliwe
Phonononga KUTIMOTI I 6:17
6
KUTIMOTI I 6:9
Ke abo banga bangaba zizityebi, beyela ekuhendweni, nasesibatheni, nasezinkanukweni ezininzi ezibubudenge ezenzakalisayo; zona zibatshonisayo abantu ekonakaleni, nasekutshabalaleni.
Phonononga KUTIMOTI I 6:9
7
KUTIMOTI I 6:18-19
benze okulungileyo, babe zizityebi zemisebenzi emihle, babe nokwaba kakuhle, babe nobudlelane; baziqwebele isiseko esihle, base exesheni eliza kuza, ukuze babubambe ubomi obungunaphakade.
Phonononga KUTIMOTI I 6:18-19
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo