1
USAMUWELI I 17:45
IZIBHALO EZINGCWELE
Wathi uDavide kumFilisti, Wena uza kum unekrele, nentshuntshe, nomkhonto; ke mna ndiza kuwe egameni likaYehova wemikhosi, uThixo wezintlu zakwaSirayeli omngcikivileyo.
Thelekisa
Phonononga USAMUWELI I 17:45
2
USAMUWELI I 17:47
lazi lonke eli bandla, ukuba àkungakrele, àkungantshuntshe ukusindisa kukaYehova; ngokuba imfazwe yekaYehova; wòninikela ke esandleni sethu.
Phonononga USAMUWELI I 17:47
3
USAMUWELI I 17:37
Wathi uDavide, UYehova owandihlangulayo ethupheni lengonyama nasethupheni lebhere, nguye oya kundihlangula esandleni saló mFilisti. Wathi uSawule kuDavide, Hamba ke, abe nawe uYehova.
Phonononga USAMUWELI I 17:37
4
USAMUWELI I 17:46
Namhlanje uYehova uya kukunikela esandleni sam, ndikubulale, ndikunqumle intloko, namhla ndizinike iintaka zezulu namarhamncwa omhlaba izidumbu zomkhosi wamaFilisti, wazi wonke umhlaba ukuba amaSirayeli anaye uThixo
Phonononga USAMUWELI I 17:46
5
USAMUWELI I 17:40
Wathabatha intonga yakhe esandleni sakhe, wanyula amatye amahlanu abuthelezi emlanjaneni, wawafaka empahleni yabalusi abenayo, eyingxowa, ephethe inkwitshi yakhe esandleni sakhe, weza kumFilisti lowo.
Phonononga USAMUWELI I 17:40
6
USAMUWELI I 17:32
Wathi uDavide kuSawule, Makungathambi ntliziyo yamntu ngenxa yakhe; umkhonzi wakho lo uya kuya alwe nalo mFilisti.
Phonononga USAMUWELI I 17:32
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo