1
KWABASEKORINTE I 13:4-5
IZIBHALO EZINGCWELE
Uthando luzeka kade umsindo, lunobubele; uthando alunamona; uthando alugwagwisi; alukhukhumali; alwenzi okuziintloni; alufuni okukokwalo kodwa
Thelekisa
Phonononga KWABASEKORINTE I 13:4-5
2
KWABASEKORINTE I 13:7
Luthwala iinto zonke; lukholwa ziinto zonke; luthemba iinto zonke; lunyamezela iinto zonke.
Phonononga KWABASEKORINTE I 13:7
3
KWABASEKORINTE I 13:6
alucaphuki; alunanzondo; aluvuyeli kungalungisi; luvuyisana nenyaniso.
Phonononga KWABASEKORINTE I 13:6
4
KWABASEKORINTE I 13:13
Kungoku ke kuhleli ukholo, ithemba, uthando, ezo zinto zontathu; eyona inkulu ke kuzo apho luthando.
Phonononga KWABASEKORINTE I 13:13
5
KWABASEKORINTE I 13:8
Uthando aluze lutshitshe; nokuba ke ziziprofeto, ziya kubhangiswa; nokuba ziilwimi, ziya kupheza; nokuba kukwazi, kuya kuphuthiswa.
Phonononga KWABASEKORINTE I 13:8
6
KWABASEKORINTE I 13:1
Ndingafanelana ndithetha ngeelwimi zabantu nezezithunywa zezulu; uthando ke ndingenalo, ndisuke ndaba yixina ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.
Phonononga KWABASEKORINTE I 13:1
7
KWABASEKORINTE I 13:2
Ndingafanelana ndinabo nobuprofeto, ndizazi iimfihlelo zonke, ndinako konke ukwazi; ndingafanelana ndinalo lonke ukholo, ngokokude ndisuse iintaba, uthando ke ndingenalo, andinto yanto.
Phonononga KWABASEKORINTE I 13:2
8
KWABASEKORINTE I 13:3
Ndingafanelana ndisamkelisa amahlwempu ngempahla yam yonke, nokuba ndithe umzimba wam ndawunikela ukuba utshiswe, uthando ke ndingenalo, akundincedi lutho.
Phonononga KWABASEKORINTE I 13:3
9
KWABASEKORINTE I 13:11
Oko bendingumntwana, bendithetha ngokomntwana, bendiqonda ngokomntwana, bendicamanga ngokomntwana; ndithe ke, ndakuba yindoda, ndazibhangisa izinto zobuntwana.
Phonononga KWABASEKORINTE I 13:11
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo