1
KWABASEKORINTE I 1:27
IZIBHALO EZINGCWELE
UThixo usuke wanyula izinto ezibubudenge zehlabathi, ukuze azidanise izilumko; nezinto ezingenamandla zehlabathi usuke uThixo wazinyula, ukuze azidanise izinto ezomeleleyo
Thelekisa
Phonononga KWABASEKORINTE I 1:27
2
KWABASEKORINTE I 1:18
Kuba ilizwi lomnqamlezo libubudenge okunene kwabatshabalalayo; kodwa ke kwabasindiswayo, thina aba, lingamandla kaThixo.
Phonononga KWABASEKORINTE I 1:18
3
KWABASEKORINTE I 1:25
Ngokuba into kaThixo ebubudenge ilumkile kunabantu, nento kaThixo engenamandla yomelele kunabantu.
Phonononga KWABASEKORINTE I 1:25
4
KWABASEKORINTE I 1:9
Uthembekile uThixo, enabizelwa nguye ebudlelaneni boNyana wakhe, uYesu Kristu iNkosi yethu.
Phonononga KWABASEKORINTE I 1:9
5
KWABASEKORINTE I 1:10
Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke níbe ngabalungisiweyo, nígqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye.
Phonononga KWABASEKORINTE I 1:10
6
KWABASEKORINTE I 1:20
Síphi na ke isilumko? Uphi na ke umbhali? Uphi na ke umphiki weli phakade? UThixo akabenzanga baba bubudenge na ubulumko beli hlabathi?
Phonononga KWABASEKORINTE I 1:20
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo