IziCwangciso zokuFunda zasimahla kunye nokuzinikela okunxulumene ne KWABASEROMA 8:28
Ukukholelwa kuThixo Kuhle Nokuba Kunjani
Iintsuku ezi-5
Kukho imiyalezo ethile namhlanje, ngaphandle nangaphakathi ebandleni, eye yangcolisa imiyalezo eyinyaniso sobabalo lukaThixo. Inyaniso kukuba uThixo akanyanzelekanga ukuba asinike izinto ezilungileyo—kodwa uyafuna! Ezintsuku zintlanu zilandelayo zingakunceda ukuba ujonge oko kukungqongileyo ngamehlo akwaziyo ukugqobhozela ngapha kokugqwetheka ubone ukulunga kukaThixo okungenakulinganiswa nokungenakuphikiswa.
Phila ngamandla nobukhalipa!
8 Iintsuku
Akuwedwanga. Akukhathaliseki nokuba unosuku olunye okanye iminyaka e30 ulikholwa, le nyaniso ayigungqi malunga nantoni na enokuba ngumngeni kuthi ebomini. Funda indlela yokwamkela ngamandla uncedo lukaThixo kwesi sicwangciso.
Iimvakalelo eziNgcwele - Iimpendulo ezisebhayibhileni zayo yonke imingeni
Iintsuku ezi-30
UThixo wakwenza kwaye wakubeka ngalo mzuzu ngeli xesha, ukuba uthande abangathandekiyo, ubonakalise uxolo kwisiphithiphithi, kwaye ubonise uvuyo olungenasiphelo kuyo yonke imeko. Oku kusenokubonakala kungenakwenzeka, kodwa unokukwenza oku ngokufunda oko iBhayibhile ikutshoyo ngeemvakalelo zakho zemvelo zobuntu nendlela yokuzilawula. Olu nqulo lugubungela imiceli mngeni eqhelekileyo kwaye ngamanye amaxesha engaqhelekanga esijongana nayo yonke imihla, kwaye ibonelela ngeembekiselo zeBhayibhile malunga nendlela yokulawula iimvakalelo zakho ngendlela kaThixo.