IziCwangciso zokuFunda zasimahla kunye nokuzinikela okunxulumene ne UMATEYU 3
UMateyu
Iintsuku ezi-14
Esisicwangciso sizakukukhokela eVangelini ngokukaMateyu ukusukela ekuqaleni ukuyotsho ekugqibeleni.
IVangeli kaMateyu
28 Iintsuku
Kwesi sicwangciso sesahluko ngosuku ngalunye ngeVangeli kaMateyu, uya kudibana noKumkani uYesu: ukuzaliseka kwesiprofetho seTestamente eNdala, kunye nethemba lehlabathi lonke. Funda indlela yokungena eBukumkanini bukaThixo, ukwandisa uBukumkani bukaThixo emhlabeni wonke, uze ufumane uBukumkani bukaThixo, ngengxelo kaMateyu yeemfundiso, imimangaliso, ukufa nokuvuka kukaYesu. Esi sicwangciso siphuhliswe yi-YouVersion.
Iincwadi zevangeli
Iintsuku ezi-30
Esisicwangciso, siqulunqwe sathiwa thaca ngabakwa YouVersion.com sizakukunceda uzifunde ngokupheleleyo zone iincwadi zevangeli kwisithuba sentsuku ezingamashumi amathathu. Ufumane ngokuthe ngqo ubomi buka Yesu nevangeli yakhe kwithutyana nje elifutshane.
Masifunde iBhayibhile Kunye (UTshazimpuzi)
Iintsuku ezi-30
Icandelo lesine lothotho olunamacandelo ali-12, esi sicwangciso sikhokela uluntu kunye kwiBhayibhile iphela ngeentsuku ezingama-365. Mema abanye ukuba bangenelele rhoqo xa uqala icandelo elitsha nyanga nganye. Oluthotho lusebenza kakuhle ngeeBhayibhile ezirekhodiweyo—phulaphula ngaphantsi kwemizuzu engama-20 ngosuku! Icandelo ngalinye libandakanya izahluko zeTestamente eNdala kunye neTestamente eNtsha, neeNdumiso zithiwe saa kuso sonke isicwangciso. Icandelo lesine libandakanya incwadi kaMateyu nekaYobhi.