IziCwangciso zokuFunda zasimahla kunye nokuzinikela okunxulumene ne UYOHANE 19

Ibali lePasika
Iintsuku ezi-7
Ungayichitha njani iveki yokugqibela yobomi bakho usazi ukuba yeyokugqibela? Iveki kaYesu yokugqibela esemhlabeni ekwimo yomntu wenyama yayizela ngamaxhesha angalibalekiyo, iziprofetho ezizalisekisiweyo, umthandazo onzulu, ingxoxo enzulu, izenzo zokomfuziselo, kunye neziganeko ezaguqula umhlaba. Le plani yenzelwe ukuqala ngoMvulo ngaphambi kwe-Pasika, kusuku ngalunye le plani iqulunywe yiLife Church izakuhamba nawe ngebali elizakumangothyilatyhileka kwiveki eNgcwele.

KaYohane
Iintsuku eziyi-10
Esisicwangciso sizakukukhokela kwiVangeli kaYohane ukusukela ekuqaleni ukuyotsho ekugqibeleni.

IVangeli kaYohane
21 Iintsuku
Kwesi sicwangciso sokufunda isahluko ngosuku ngalunye, uya kudibana noThixo onguSomandla – uMdali wento yonke – ekwimo yomntu, ozalelwe ukuzisa usindiso kuye wonke umntu, kuyo yonke indawo. UYohane ubalisa ngemimangaliso, iimfundiso, kunye nezinto ahlangabezane nazo imihla ngemihla umhlobo wakhe osenyongweni kunye noMsindisi, uYesu. Uyamenywa ukuba ulandele uYesu, nawe, kwaye ufumane isipho sakhe sobomi obungunaphakade. Esi sicwangciso siphuhliswe yi-YouVersion.

Masifunde iBhayibhile Kunye (EyeDwarha)
Iintsuku ezi-31
Icandelo le-10 lothotho olunamacandelo ali-12, esi sicwangciso sikhokela uluntu kunye kwiBhayibhile iphela ngeentsuku ezingama-365. Mema abanye ukuba bangenelele rhoqo xa uqala icandelo elitsha nyanga nganye. Oluthotho lusebenza kakuhle ngeeBhayibhile ezirekhodiweyo—phulaphula ngaphantsi kwemizuzu engama-20 ngosuku! Icandelo ngalinye libandakanya izahluko zeTestamente eNdala kunye neTestamente eNtsha, neeNdumiso zithiwe saa kuso sonke isicwangciso. Icandelo le-10 lubandakanya iincwadi zeNtshumayeli, uYohane, uYeremiya, neZililo.