IziCwangciso zokuFunda zasimahla kunye nokuzinikela okunxulumene ne KUMAGALATI 5:17

Nika uThixo iNdawo yokuQala
5 Iintsuku
Ukunika uThixo indawo yokuqala ebomini bethu asiyonto yosuku olunye…..yinkqubo yobude bobomi bomKrestu ngamnye. Nokokuba umtsha elukholweni okanye “uligqala” lomlandeli kaKrestu, esi sicwangciso uza kusifumana silula ukusiqonda nokusisebenzisa, sikwabubuchule obuluncedo kakhulu bokuphila komKrestu ngoloyiso.

Uxolo olulahlekileyo
Iintsuku ezi-7
Ngaba ngokwenene sinako ukuba noxolo xa ubomi bubuhlungu? Impendulo emfutshane: ewe, kodwa kungekhona ngamandla ethu. Ku nyaka osishiye siziva sixinezelekile, uninzi lwethu lushiyeke nemibuzo. Kwesi sicwangciso seBhayibhile seentsuku ezisi-7, esikhapha uthotho lwemiyalezo kaMfundisi uCraig Groeschel, siya kufumanisa ukuba singalufumana njani uXolo olulahlekileyo esilulangazelelayo sonke.

Luyintoni Uthando Lokwenene?
Iintsuku ezi-12
Wonke umntu ufuna ukwazi ukuba uthando luyintoni kanye kanye. Kodwa bambalwa abantu abajonga oko iBhayibhile ikutshoyo ngothando. Uthando yeminye yemixholo ephambili esiBhalweni kunye neyona nto ibalulekileyo ebomini bobuKristu. Esi sicwangciso esivela kwi-Thistlebend Ministries sihlola intsingiselo yothando eseBhayibhileni kunye nendlela yokumthanda ngakumbi uThixo kunye nokuthanda abanye.