uLuka uLuka 15
uLuka 15
1Ke kaloku, babesondela kuye bonke ababuthi berhafu naboni, ukuba bamve. 2Baye bekrokra abaFarisi nababhali, besithi, Lo wamkela aboni, adle nabo. 3Wathetha lo mzekeliso kubo, esithi, 4Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane? 5Athi ke akuyifumana, ayibeke emagxeni akhe, evuya. 6Athi akufika ekhaya, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo, Vuyisanani nam; ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile. 7Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko. 8Kanti nguwuphi na umfazi eneedrarhima zilishumi, ongethi, ukuba ithe yalahleka enye idrarhima, alumeke isibane, ayitshayele indlu, afune enyamekile, ade ayifumane? 9Athi akuyifumana, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi, Vuyisanani nam; kuba ndiyifumene intwana ebindilahlekile. 10Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo. 11Uthe ke, Umntu othile ube enoonyana ababini. 12Wathi omnci wabo kuyise, Bawo, ndinike isahlulo sempahla esilunge nam. Wababela ke ukudla kwakhe. 13Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude; 14Akubon’ ukuba udle konke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe; waqala ukuswela. 15Waya wanamathela komnye kubemi belo zwe; wathi yena wamthumela emihlabeni yakhe, ukuba aye kwalusa iihagu. 16Ubenqwenela ke ukusizalisa isisu sakhe ngeengxam ezabe zidliwa ziihagu; bekungekho mntu umphayo. 17Ke kaloku, akuba nokuziqonda, wathi, Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo abadikwa zizonka, kanti ke mna ndiphela yindlala. 18Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho. 19Andisafanele kubizwa ngonyana wakho; ndénze ndibe njengomnye kubaqeshwa bakho. 20Wesuka ke waya kuyise. Ke kaloku, akubon’ ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga. 21Uthe ke unyana kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho; andisafanele kubizwa ngokuba ndingunyana wakho. 22Uthe ke uyise kubakhonzi bakhe, Rholani ingubo ende, eyona intle, nimambathise; afake umsesane esandleni sakhe, neembadada ezinyaweni zakhe. 23Nizise ithole, eliya lityetyisiweyo, nilixhele; sidle, sibe nemihlali; 24Ngokuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa. Baqala ke ukuba nemihlali. 25Ke kaloku unyana wakhe omkhulu ebesentsimini. Wathi xa esondela endlwini, weva iingoma nokungqungqa. 26Wabizela kuye omnye kubakhonzi, wambuza ukuba zingaba ziyini na ezi zinto. 27Uthe ke yena kuye, Umninawa wakho ufikile; uyihlo ke uxhele ithole, eliya lityetyisiweyo; ngokuba ebuye wamzuza ephilile. 28Waqumba akavuma ukungena. Waphuma uyise, wambongoza. 29Waphendula ke yena wathi kuyise, Uyabona, le minyaka ingakanana ndiyakukhonza, andikhange ndigqithe mthetho wakho; 30kodwa xenikweni afikileyo lo nyana wakho, wayidlayo wayigqiba impilo yakho namahenyukazi, umxhelele ithole eliya lityetyisiweyo. 31Uthe ke yena kuye, Mntwana wam, wena uhleli unam, nazo zonke izinto zam zezakho. 32Kufanelekile ukuba senze imihlali, sivuye; ngokuba umninawa wakho lo ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.
Выбрано:
uLuka uLuka 15: CXB24
Выделить
Поделиться
Копировать
Хотите, чтобы то, что вы выделили, сохранялось на всех ваших устройствах? Зарегистрируйтесь или авторизуйтесь
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.