Ivangeli ka‐Luke 6

6
1KWAYE kute ngesabata yokuqala emveni kweyesibini imini yepasika, ebecanda emasimini: baza abadisipile bake baka izikwebu, batya, behlikihla ngezandla. 2Koko abatile bakubafarisi bati kubo: Yinina ukuba nikwenze oko ekungafanelekile ukukwenza ngemini yesabata? 3Waza u‐Yesu wapendula kubo, wati: Anike nileseshe oku na, owakwenzayo u‐Davide, okuya wabelambile yena nabo babenaye; 4okokuba wangena endlwini katixo, watabata izonka zokubonakala, waza watya, wanika nabo babenaye kanjalo, ekungafanelekile ukuba zityiwe, kupela ngabaperisite bodwa? 5Wabesiti kubo kanjalo: Unyana wesintu uyinkosi yesabata nayo.
6Kwaye kute nangenye isabata, wangena endlwini yentlanganiso, wafundisa. Kekaloku bekuko kona umntu osandla sokunene sibe sishwabene. 7Bati ababa̔li nabafarisi bamgqala, ukuba uya kupilisa na ngesabata, ukuze bafumane into yokumnika ityala ngayo. 8Kodwa yena ebesazi izicamango zabo, wati emntwini obenesandla esishwabeneyo: Suka, ume pakati. Usukile ke wema. 9Wandula u‐Yesu wati kubo: Ndobuza kuni into ibe nye: Kufanelekile ngemini yesabata ukwenza okulungileyo, ukwenza okukohlakeleyo, kusinina? ukulondoloza ubomi, ukububisa, kusinina? 10Waza ebasingasingele bonke wati emntwini: Yolula isandla sako. Wenje njalo ke; saza isandla sake sabuya senziwa sipilile njengesinye. 11Kodwa bona bazaliswa bubugeza, batetana omnye nomnye, ukuba bangenza nto nina ku‐Yesu.
12Kwaye kute ngaleyomihla, wapumela entabeni ukuya kutandaza, wadlulisa ubusuku bonke ekutandazeni kutixo. 13Kwaza kwati kwakuba kusile, wabiza abadisipile bake, wanyula kubo ishumi linababini, owabanikayo negama labapostile: 14u‐Simone, (owamnikayo negama lika‐Petrosi,) no‐Andreya umninawe wake; u‐Yakobi, no‐Johane; u‐Filipi, no‐Batolomeyu; 15u‐Mateyu, no‐Tomasi; u‐Yakobi unyana ka‐Alefeyu, no‐Simone obebizwa ngokuti ngumzeloti; 16u‐Jude umninawe ka‐Yakobi, no‐Jude Sikariyoti, okwa nguye owaba yingcatsha.
17Waza wehla nabo, wema endaweni ebutafa, kwa nomhlambi wabadisipile bake, nesihlwele esikulu sabantu bevele kuyo yonke i‐Judeya nase‐Yerusaleme, nasezweni lase‐Tire ne‐Tsidone kufupi nolwandle, abebeze ukumva, nokupiliswa ezifeni zabo; 18nabo abebekatazwa ngomoya abanco̔lileyo; baye bepiliswa ke. 19Kanjalo sonke isihlwele sasifuna ukumcu̔kumisa; ngokuba kube kupuma amandla kuye, abapilisa bonke.
20Waza wapakamisa amehlo ake ngakubo abadisipile bake, wati: Ninetamsanqa nina nibuhlwempu; ngokuba bubobenu ubukumkani bukatixo. 21Ninetamsanqa nina nilambayo kaloku; ngokuba niya kuhlutiswa. Ninetamsanqa nina nililayo kaloku; ngokuba niya kuhleka. 22Ninetamsanqa, nxa abantu baya kunitiya, nanxa baya kunahlula kubo, banituke, balahle negama lenu njengokuba likohlakele, ngenxa yake unyana wesintu. 23Vuyani kuleyo imini, nixu̔me ngomgcobo; ngokuba, bona ke, umvuzo wenu umkulu ezulwini; ngokuba oyise babo bebesenza ngokunjalo kubaprofite. 24Kodwa hai ubunzima benu, nina nizityebi! ngokuba senikwamkele ukwonwatyiswa kwenu. 25Hai ubunzima benu, nina nihlutiyo! ngokuba niya kulamba. Hai ubunzima benu, nina nihlekayo kaloku! ngokuba niya kuba lusizi nilile. 26Hai ubunzima benu, xeshekweni bonke abantu bateta kakuhle ngani! ngokuba oyise babo bebesenza ngokunjalo kubaprofite ababuxoki.
27Koko ndisiti kuni nivayo: Tandani intshaba zenu, benzeleni okulungileyo abo banitiyayo, 28tamsanqelisani abo baniqalekisayo, nitandazele abo banipata kakubi. 29Okubetayo kwesinye isidlele, mnikele nesinye; nosusayo ingubo yako, ungamaleli ukutabata nesivato sapantsi. 30Yipa bonke abacelayo kuwe; nohlutayo okukokwako, ungabuyi ukubize kuye. 31Kanjako njengokuba nitanda ukuba abantu benze kuni, nani yenzani kwa njalo kubo. 32Nokuba niyatanda abo banitandayo nina, niba nokubulelwa okunina? ngokuba naboni betanda abo batanda bona. 33Naxeshekweni nikwenza okulungileyo kubo abo bakwenza okulungileyo kuni, niba nokubulelwa okunina? ngokuba naboni bekwenza kwa kona. 34Naxeshekweni niboleka abo nitemba ukuba nobuya namkele kubo, niba nokubulelwa okunina? ngokuba naboni beboleka aboni, ukuze babuye bamkele okulingeneyo. 35Kodwa tandani intshaba zenu, nenze okulungileyo, niboleke ningatembi ukuba nobuya namkele nto; waye umvuzo wenu uya kuba mkulu, nani niya kuba ngonyana bopezu kwonke: ngokuba yena enobubele kwabo bangabuleliyo nabakohlakeleyo. 36Yibani nenceba ngoko, njengokuba noyihlo enenceba.
37Ize ningabeki tyala, naningayi kubekelwa tyala nani: ningagwebi, naningayi kugwetywa nani: kululani, naniya kukululwa nina: 38yipani, kwakuya kupiwa nina; ukulinganiswa okulungileyo, okuhlohliweyo, nokuhlunguzelweyo, nokupalalayo, kwopiwa esifubeni senu: ngokuba okona kulinganisa enilinganisa ngako, kwobuya kulinganiselwe nina.
39Waza wateta umzekeliso kubo, esiti: Imfama ingaka ikokele imfama na? aziyi kweyela emnxu̔nyeni zombini na? 40Umdisipile akapezulu kumfundisi wake; kodwa osukuba ezalisekile woba njengomfundisi wake. 41Kuyinina ukuba ukangela icetyana elisesweni lomzalwana wako, kanti umqadi okwelako iliso akuwunakani? 42Ungati nina nokuti kumzalwana wako: Mzalwana! vuma ndiliku̔pe icetyana elisesweni lako; wena ngokwako umqadi osesweni lako ungawuboni nje? Sihanahanisindini! wuku̔pe kuqala umqadi esweni lako, wauya kwandula ukolise ukubona ukuliku̔pa icetyana elisesweni lomzalwana wako. 43Ngokuba kungeko mti olungileyo uzihlanza iziqa̔mo ezibolileyo; kanjako akuko mti obolileyo uzihlanza iziqa̔mo ezilungileyo: 44ngokuba yonke imiti ngeminye isaziwa ngezayo iziqa̔mo; ngokuba kungakiwa makiwane emingeni, kanjalo kungavunwa dreyive emtolweni. 45Umntu olungileyo kwimbekelo elungileyo yentliziyo yake uyavelisa okulungileyo; nomntu okohlakeleyo kwimbekelo ekohlakeleyo yentliziyo yake uyavelisa okukohlakeleyo: ngokuba umlomo wake uteta okuvela ekupupumeni kwentliziyo.
46Kodwa yinina ukuba nindibiza ngokuti, Nkosi, Nkosi! kanti anizenzi izinto endizitetayo? 47Osukuba esiza kum, eweva namazwi am, ewenza nokuwenza, ndonibonisa lowo afana naye: 48Ufana nomntu obesaka indlu, owemba wangxoka, wabeka umsekelo elulwalweni: kwati kwakubako ukukukula kwamanzi, umsinga watyobozela ngakulondlu, kanti awaba nako ukuyishukumisa; ngokuba ibisekelwe elulwalweni. 49Kodwa owevayo, engenzanga ke, ufana nomntu owaka indlu emhlabeni ingenawo umsekelo: owati umsinga watyobozela ngakuyo; yasuka yawa; kwaye kukulu ke ukuci̔takala kwalondlu.

Выделить

Поделиться

Копировать

None

Хотите, чтобы то, что вы выделили, сохранялось на всех ваших устройствах? Зарегистрируйтесь или авторизуйтесь