Ivangeli ka‐Luke 2

2
1KWAYE kute kwezontsuku, kwapuma umteto ku‐Kesare Auguste, wokuba lonke ilizwe maliba̔lelwe. 2(Esi isiba̔lelo senzeka kuqala nxa u‐Kirenusi ebengumpati we‐Siriya.) 3Baza baya bonke ukuya kuba̔lelwa, abanye ngabanye kwezakowabo izixeko. 4Wati kekaloku no‐Josefe wenyuka e‐Galili, esixekweni se‐Nazarete, waya e‐Judeya, esixekweni sika‐Davide, esibizwa nge‐Beteleheme, (ngenxa yokuba ebengowendlu nesizalwane sika‐Davide,) 5ukuya kuba̔lelwa kunye nomfazi wake oxanyiweyo, ekulelwe yena.
6Kwaye kute bakuba bebekona, zazaliseka imihla yokuba azale. 7Waza wazala unyana wake owamazibulo, wamsongela eziqiyeni, wamlalisa emkombeni wesitale; ngokuba bebengenandawo pakati entangeni.
8Kwaye kuko abalusi kwelona lizwe, behlala ezindle, belinda umhlambi wabo ngamavaṙasho obusuku. 9Yati bona ke, ingelosi yenkosi yeza yema ngakubo, nobungcwalisa benkosi babakanyela ngokungqonga; baza boyika ngokwoyika okukulu. 10Yayisiti kubo ingelosi leyo: Ningoyiki; ngokuba, bona ke, ndinishumayeza indaba zovuyo olukulu, oluya kuba lolwabantu bonke. 11Ngokokuba nizalelwe namhla umsindisi, ongu‐Kristu inkosi, esixekweni sika‐Davide. 12Kanjalo oku kwoba ngumqondiso kuni: Niya kufumana usana lusongiwe eziqiyeni, lulele emkombeni wesitale. 13Kwaza kwabako ngokwalama ndawonye nayo ingelosi into eninzi yomkosi wasezulwini, bedumisa utixo, besiti nokuti: 14Makubeko ubungcwalisa kutixo enyangweni yapezulu, noxolo emhlabeni, ufefe ebantwini! 15Kwaza kwati, xeshekweni zibe zimkile kubo ingelosi zaya ezulwini, bandula abalusi bati omnye kwomnye: Makesiye kambe kwa se‐Beteleheme, size siyibone lento ihlileyo, esazisiwe yona yinkosi. 16Basuka beza ngokunxama, bafumana kwa no‐Mariya no‐Josefe, nosana lulele emkombeni wesitale. 17Bati ke bakubona, bavakalisa ilizwi elalitetwa kubo ngaye umntwana lo. 18Baza bonke abo bevayo bazitela nqa izinto ezazitetwa kubo ngabalusi. 19Kodwa u‐Mariya wazigcinela zonke ezizinto, wazilinganisa entliziyweni yake. 20Baza babuya abalusi, bebonga bedumisa utixo ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengokuba kube kutyelwe kubo.
21Kekaloku okuya ibizalisekile imihla esibozo yokuba umntwana aluswe, landula labizwa igama lake ngo‐Yesu, elibe libizwa njalo yingelosi engekakaulwa esizalweni.
22Kekaloku okuya ibizalisekile imihla yokuhlanjululwa kwabo, ngokwomteto ka‐Mosesi, bamnyusela e‐Yerusaleme, ukuba bammisele enkosini; 23(njengokuba kuba̔liwe emtetweni wenkosi ukuti: Konke okubudoda ekuzityulwa ngako kwobizwa ngokuba ngcwele kuyehova;) 24nokuba banikele idini, njengoko kutshiwo emtetweni wenkosi ukuti: Isibini samahobe, umhlaumbi amatole amabini amazuba.
25Kekaloku bona ke, bekuko umntu e‐Yerusaleme, ogama lingu‐Simone; waye umntu lowo elungile ebubedesho, elinda ulwonwabiso lwo‐Sirayeli; kanjalo umoya oyingcwele ebepezu kwake. 26Kwaye kutyilelwa yena ngumoya oyingcwele, ukuba akayi kubona kufa engekaboni u‐Kristu wenkosi. 27Weza ke ngomoya etempileni: kekaloku nxa oyise babengenisa umntwana u‐Yesu, ukuba bamenzele ngesiko lomteto, 28wandula yena wamtabatela ezingalweni zake, wambonga utixo, wati: 29Kaloku uyasindulula isicaka sako, Nkosi! ngoxolo, njengokwelizwi lako: 30ngokuba amehlo am ebonile usindiso lwako, 31olo ululungisileyo ngasebusweni bezizwe zonke; 32ukanyiso lwokutyilela abaheyideni, nolwobungcwalisa babantu bako o‐Sirayeli.
33Babesiti nqa ke u‐Josefe nonina pezu kwezinto ezibe zitetwa ngaye. 34Waza u‐Simone wabatamsanqelisa, wati ku‐Mariya unina: Bona ke, lo ubekelwe ukuwa nokupakama kwabaninzi kwa‐Sirayeli, nomqondiso ekupikwa nawo; 35(ewe, nowako umpefumlo isiṙele sowuhlaba;) ukuze kube kutyilwa izicamango zentliziyo ezininzi.
36Kwabekuko kanjalo u‐Ana umprofitekazi, intombi ka‐Fanuweli, owesizwe sika‐Ashere: yena lo ebekolisile ukuba nobudala kakulu, obehleli nendoda iminyaka yasixe̔nxe itabata ebuntombini bake: 37wayengumhlolokazi weminyaka engati imashumi asibozo anesine, owahlala engemki etempileni, ekonza u‐Tixo ngokuzila ukutya nangokukunga ebusuku nasemini. 38Wati lo emi kufupi nje kwa ngeloxeshana wabulela enkosini naye, wateta ngayo kubo bonke ababelinda inkululwa e‐Yerusaleme.
39Kekaloku xeshekweni bebegqibele zonke izinto ezinjengokwomteto wenkosi, babuyela e‐Galili, esixekweni sabo e‐Nazarete.
40Wati umntwana wakula, waba namandla emoyeni, ezaliswa ngobulumko; nofefe lukatixo lwalupezu kwake.
41Kekaloku oyise bake bebesiya iminyaka ngeminyaka e‐Yerusaleme ngomtendeleko wepasika. 42Wati akuba yiminyaka ilishumi linamibini ubudala bake, nxa bebenyukele e‐Yerusaleme ngokwesiko lomtendeleko, 43nanxa bebefezile imihla, ekubuyeni kwabo, wasala umntwana u‐Yesu e‐Yerusaleme; baye bengazi u‐Josefe nonina. 44Kodwa beba usemhlambini wabahambi baya ihambo yosuku lunye, baza bamfuna pakati kwabalamane babo napakati kwababesazana nabo. 45Bati bengamfumananga nje, babuyela e‐Yerusaleme, bemfuna. 46Kwaza kwati emveni kwentsuku ntatu, bamfumana etempileni, ehleli pakati kwabafundisi, esiva bona, ebuza nokubuza kubo. 47Baye benokuti nqa ke bonke abo babemva, pezu kwokuqonda kwake nemipendulo yake. 48Bati bakumbona, bamangaliswa; waza unina wati kuye: Nyana! wasenzela njalo nganina? bona ke, uyihlo nam, besikufuna sidandatekile. 49Waza wati kubo: Yinina ukuba nibe nindifuna? nibe ningazi na ukuba ndifanele ukuba sendlwini kabawo? 50Abaliqonda ke bona ilizwi walitetayo kubo. 51Waza wehla nabo, weza e‐Nazarete, wabalulamela: wati kekaloku unina wazigcina zonke ezizinto entliziyweni yake.
52Waye u‐Yesu emana ehambisa ebulumkweni nasebudeni, naselufefeni pambi kwotixo napambi kwabantu.

Выделить

Поделиться

Копировать

None

Хотите, чтобы то, что вы выделили, сохранялось на всех ваших устройствах? Зарегистрируйтесь или авторизуйтесь