Ivangeli ka‐Luke 15
15
1KWAYE kusondela kuye bonke ababuti beminikelo naboni, ukuza kumva. 2Baza bakalaza abafarisi nababa̔li, besiti: Lo uyamkela aboni, adlelane nabo.
3Wayeteta kubo lomzekeliso, esiti: 4Nguwupina umntu kuni enekulu legusha, ongati yakumlahleka enye kuzo, azishiye ezimashumi alitoba enesitoba entlango, aputume leyo ilahlekileyo, ade ayifumane yona? 5Kekaloku akuyifumana, uyayibeka emagxalabeni ake evuya; 6ati akufika ekaya, ababizele ndawonye abahlobo bake nabamelwane bake, esiti kubo: Vuyani nam, kuba ndifumene igusha yam ebilahlekile. 7Nditi kuni, kwa njalo kuya kubako uvuyo ezulwini ngenxa yomoni emnye oguqukayo, ngapezu kwolungenxa yamalunga emashumi alitoba anesitoba angafanele ukuguquka.
8Kanjalo nguwupina umfazi enamaqosha esilivere alishumi, ongati, ukuba liyamlahleka libe linye, abaneke isibane, atshayele indlu, afune ngokuku̔tala, ade alifumane? 9Kekaloku akulifumana, uyababizela ndawonye kuye abahlobokazi bake nabamelwanekazi bake, esiti: Vuyani nam, kuba ndifumene iqosha lesilivere elandilahlekayo. 10Kwa njalo, nditi kuni, kuko uvuyo ebusweni bengelosi zikatixo ngenxa yomoni emnye oguqukayo.
11Wayesiti: Umntu otile ebenonyana ababini. 12Waza omncinane wakubo wati kuyise: Bawo! ndinike isabiwo sempahla esiza kum. Waza wababela imfuyo yake. 13Kekaloku emveni kwentsuku ezingeninzi unyana omncinane wahlanganisa konke, waṙanukela elizweni elikude, wati kona waci̔takalisa impahla yake, ehlala ngobubedengu. 14Kwati akuba ebeci̔tile konke, kwabako indlala enkulu kwelozwe, waqala naye ukuba nokuswela. 15Waza waya wazibandakanyela komnye wabemi belozwe, owamtuma emhlabeni wake ukuya kwalusa ihangu. 16Waza wanqwenela ukuzalisa isisu sake ngemifuno ebidliwa zihangu; kwaye kungeko mntu owampayo.
17Kekaloku kwakubuya ukuqonda kwake, wati: Baninzi kangakananina abaqashwa bakabawo abanokutya okungapezu kwokubaneleyo, kanti mna ndiyabuba kulamba! 18Ndiya kusuka ndiye kubawo, nditi kuye: Bawo! ndonile ngakulo izulu, nasebusweni bako; 19andisafanele ukubizwa ngokuha ngunyana wako; ndenze ndibe njengomnye wabaqashwa bako. 20Waza wesuka waya kuyise wake. Kekaloku nxa ebesekude kakulu, wati uyise wambona, wabetwa lusizi, wagidima, wawa entanyeni yake, wamanga. 21Wati ke unyana kuye: Bawo! ndonile ngakulo izulu, nasebusweni bako; andisafanele ukubizwa ngokuba ngunyana wako. 22Kodwa uyise wati ezicakeni zake: Pumisani ingubo ende enqabileyo, nimambatise; nifake umsesane esandleni sake, nezihlangu ezinyaweni zake; 23niti kanjalo nizise itole elityetyisiweyo nilixe̔le, sidle sigcobe ke: 24ngokuba lo unyana wam ebefile, kanti ubuye wapila; ebelahlekile nje, kanti ufunyenwe. Baza baqala ukugcoba.
25Kekaloku unyana wake omkulu ebesentsimini: wati xeshekweni ebesiza wasondela endlwini, weva ukugwala nokududa. 26Waza wabiza esinye sezicaka, wabuza ukuba zingati nina ezizinto. 27Sati ke sona kuye: Umninawe wako ufikile; kanjalo uyihlo uxe̔lile itole elityetyisiweyo, kuba emamkele epilile. 28Waqumba ke, ebengavumi nokungena. Wati ngoko uyise wapuma wambongoza. 29Koko wapendula wati kuyise: Bona ke, ndikukonza leminyaka mininzi kangaka, ndingazanga ndigqite umyalelo wako nje, akupanga mna noko ibokwana napakade, ukuze ndigcobe nezihlobo zam: 30kodwa xeshekweni wafikayo unyana wako lo, obedlile imfuyo yako ndawonye nabapinyiswa, wamxe̔lela yena itole elityetyisiweyo. 31Koko wati kuye: Nyana! wena uba nam futi, nako konke okukokwam kukokwako. 32Kwabekufanele ukuba kuvuywe kugcotywe: ngokuba umninawe wako lo ebefile, kanti ubuye wapila; ebelahlekile nje, kanti ufunyenwe.
Выбрано:
Ivangeli ka‐Luke 15: XHO1902A
Выделить
Поделиться
Копировать
Хотите, чтобы то, что вы выделили, сохранялось на всех ваших устройствах? Зарегистрируйтесь или авторизуйтесь
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.