Ivangeli ka‐Johane 6

6
1EMVENI kwezizinto wemka u‐Yesu waya pesheya kwolwandle lwase‐Galili, kwolwase‐Tiberiyasi. 2Kwaye kumlandela isihlwele esikulu, kuba bebebona imimangaliso yake abeyenza pezu kwababesifa. 3Waza u‐Yesu wenyukela entabeni apo, wahlala pantsi kona ndawonye nabadisipile bake. 4Kekaloku ipasika, umtendeleko wama‐Juda, ibikufupi. 5Wandula u‐Yesu wapakamisa amehlo ake, wabona ukuba isihlwele esikulu siyeza kuye, wati ku‐Filipi: Siya kutenga pina izonka, ukuze batye aba? 6(Kuloko wayesitsho emlinga: ngokuba ebesazi yena oko ebeza kukwenza.) 7Wati u‐Filipi ukumpendula: Izonka ezimelwa zidenari zimakulu mabini azibanele, ukuze bonke ngabanye batabate intwana. 8Wati kuye omnye wabadisipile bake, u‐Andreya umninawe ka‐Simone Petrosi: 9Kuko umfana apa, onezonka zeṙalasi zihlanu nentlanzi zimbini; koko ezi ziyinto nina pakati kwabaninzi kangaka? 10Waza wati u‐Yesu: Yenzani abantu bahlale pantsi. Kekaloku bekuko utyani obuninzi kulondawo. Andula ahlala pantsi amadoda, anga angamawaka mahlanu inani lawo. 11Waza u‐Yesu wazitabata izonka, wati akuba ebebulele wababela abadisipile, nabadisipile bababela abo babehleli pantsi; benje njalo nangentlanzi njengokutanda kwabo. 12Xeshekweni ke bebehluti, wati kubadisipile bake: Butani amaqezu aseleyo, ukuze kungalahleki nto. 13Babuta ke, bazalisa izitya zalishumi linazibini ngamaqezu kwezozonka zeṙalasi zozihlanu, abesele kubo ababedlile.
14Bandula abantu abo, bakubona ummangaliso abewenzile u‐Yesu, bati: Lo unguye ngenyaniso umprofite ozayo elizweni. 15Wati ngoko u‐Yesu, esazi ukuba bebeya kuza bamsuse ngamandla, ukuze bamenze ukumkani, wabuya wemkela entabeni yena ngokwake yedwa.
16Kwati kwakuba kuhlwile, behla abadisipile bake baya elwandle, 17bangena enqanaweni, bahamba bewela ulwandle ngase‐Kapenayume. Kwabesekumnyama ke, waye u‐Yesu ebengekafikile kubo. 18Kanjalo ulwandle belusilwa, umoya omkulu uquta nje. 19Kwandul’ ukuti, bakuba bebequ̔bile ngemipini izitadiya zanga zimashumi mabini anazihlanu umhlaumbi zimashumi matatu, babona u‐Yesu ehamba pezu kwolwandle, esiza kufupi nenqanawa: basuka boyika. 20Kodwa wati kubo: Ndim, musani kwoyika. 21Bebetanda ngoko ukumamkela enqanaweni; yaza kwa oko inqanawa yabako ngakulomhlaba abebehambela kuwo.
22Ngomnye umhla, isihlwele esibe simi pesheya kwolwandle, sakubona ukuba bekungeko kona omnye umkombe, bekuko lowo bangena kuwo abadisipile bake kwapela, nokuba u‐Yesu akaya kunye nabadisipile bake emkonjeni lowo, koko abadisipile bake bemkayo bodwa; 23(kodwa noko yeza eminye imikombe ivela e‐Tiberiyasi, kufupi nalondawo apo batya isonka kona, yakuba ibibulele inkosi;) 24xeshekweni ngoko sabona isihlwele ukuba u‐Yesu akako kona, kwa nabadisipile bake, bangena nabo ezinqanaweni, beza e‐Kapenayume, bemfuna u‐Yesu.
25Baza bakumfumana pesheya kwolwandle bati kuye: Rabi! ufike ninina apa? 26Wabapendula u‐Yesu wati: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Niyandifuna, kungengokuba nabona imimangaliso, kungokuba nibe nisitya kwezozonka, nahluta nokuhluta. 27Ningasebenzeli okokutya okutshabalalayo, koko sebenzelani okokutya okuhlalayo kude kube bubomi obungunapakade, eniya kupiwa kona ngunyana wesintu: ngokuba lo uyise wamncamatiselayo, kwa utixo.
28Bandula bati kuye: Siya kwenza nto nina, ukuze sisebenze imisebenzi katixo? 29Wapendula u‐Yesu wati kubo: Nguwo lo umsebenzi katixo, wokuba nikolwe kulowo watunywayo nguye.
30Bati ngoko kuye: Ngumqondiso mnina uwenzayo wena pofu, ukuze sibone sikolwe kuwe? yinto nina uyisebenzayo? 31Obawo betu batya imana entlango; njengokuba kuba̔liwe ngokuti: Wabanika isonka sivela ezulwini ukuba batye.
32Wati ngoko kubo u‐Yesu: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Asi ngu‐Mosesi oninikileyo esosonka sivela ezulwini; ngubawo oninikayo esosonka sivela ezulwini esiyinyaniso. 33Ngokuba isonka sikatixo seso sihlayo ezulwini, esinika ubomi elizweni. 34Bandula bati kuye: Nkosi! sipe isonka esi kube ngamaxesha onke.
35Waza wati kubo u‐Yesu: Mna ndisiso isonka sobomi: ozayo kum, akasayi kuti alambe: nokolwayo kum, akasayi kuti anxanwe napakade. 36Koko ndatshoyo kuni ukuti senindibonile, kanti anikolwa. 37Konke endikupiwa ngubawo, kuya kuza kum; nalowo uzayo kum andisayi kumlahla. 38Ngokuba ndihlile ezulwini, kungekukuba ndiyenze intando yam, kukuba ndiyenze intando yalowo wanditumayo. 39Yiyo ke le intando kabawo owanditumayo, yokuba konke endikupiwe nguye ndingalahlekani nanto kuko, nditi ndikuvuse ngomhla wokupela. 40Yiyo ke le intando yalowo wanditumayo, yokuba lowo usukuba embona unyana, ekolwa nokukolwa kuye, abe nobomi obungunapakade, nokuba ndimvuse mna ngomhla wokupela.
41Andula aṙoṙa ama‐Juda ngaye, kuba ebete: Mna ndisiso isonka esehlayo ezulwini. 42Aza ati: Lo asi nguye na u‐Yesu unyana ka‐Josefe, osibaziyo uyise nonina? kuyinina pofu ukuba uti lo: Ndihlile ezulwini?
43Wapendula ngoko u‐Yesu wati kuwo: Ningaṙoṙi pakati kwenu. 44Akuko mntu ongezayo kum, xeshekweni ubawo owanditumayo angamtsali: ndandiya kuti mna ndimvuse ngomhla wokupela. 45Kuba̔liwe ebaprofiteni ukuti: Boba bonke befundiswa ngutixo. Ngako osukuba evile kubawo, wafunda nokufunda, nyeza kum. 46Anditsho ukuba kuko ombonileyo ubawo; lowo uvela kutixo, nguye lo ombonileyo uyise kupela.
47Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Okolwayo kum, uba nobomi obungunapakade. 48Mna ndisiso isonka sobomi. 49Oyihlo benu batya imana entlango, bafa nokufa. 50Siso esi isonka esihlayo ezulwini, sokuba umntu atye kuso, angafi nokufa. 51Mna ndisiso isonka esipilileyo, eso sehlayo ezulwini: ukuba umntu uyatya kuso esisonka, wodla ubomi kude kube ngunapakade: nakanjalo isonka endiya kusinika mna, siyiyo inyama yam, endiya kuyinikela ubomi belizwe.
52Andula apikisana ama‐Juda pakati kwawo, esiti: Angati nina lo ukusinika inyama yake siyitye?
53Wati ngoko kuwo u‐Yesu: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Ukuba inyama yonyana wesintu aniyityi, negazi lake aniliseli, aninabo ubomi kuni. 54Oti inyama yam ayidle, negazi lam alisele, uba nobomi obungunapakade; ndandiya kuti mna ndimvuse ngomhla wokupela. 55Ngokuba inyama yam ikukutya ngenyaniso, negazi lam likukusela ngenyaniso. 56Oti inyama yam ayidle, negazi lam alisele, uyahlala kum, nam ndiyahlala kuye. 57Njengokuba ubawo opilileyo wanditumayo, nam ndipila ngetuba likabawo; kwa njalo lowo udlayo mna, uya kupila naye ngetuba lam. 58Siso esi isonka esehlayo ezulwini: kungenjengokuba oyihlo benu batya imana, bafa nokufa: osidlayo esisonka, uya kupila kude kube ngunapakade.
59Ezizinto waziteta endlwini yentlanganiso, efundisa e‐Kapenayume.
60Ngako abaninzi kubo abadisipile bake, bakuva oku, bati: Esi isiteto silukuni; singaviwa ngubanina? 61Kodwa u‐Yesu esazi pakati kwake ukuba abadisipile bake bayaṙoṙa ngako oku, wati kubo: Oku kunixakanisa na? 62Pofu xeshekweni nibona unyana wesintu enyukela apo ebefudula ekona — ? 63Nguwo umoya owenza kudliwe ubomi; yona inyama ayincedi luto: lomazwi endiwatetayo kuni mna, ngawo angumoya nabubomi. 64Koko bako inxenye kuni abangakolwayo. Ngokuba ebesazi u‐Yesu kwa sekuqaleni, ukuba bangobanina abangakolwayo, nokuba ungubanina oya kumngcatsha. 65Waza wati: Ngenxa yoku nditshilo kuni ukuti: Akuko mntu ongezayo kum, xeshekweni kunganikwanga kuye ngubawo.
66Emveni kwoku abaninzi babadisipile bake baya ngomva, ababi sahamba naye. 67Wati ngoko u‐Yesu kubo abalishumi linababini: Nani niyafuna ukumka na? 68Wandula wati u‐Simone Petrosi ukumpendula: Nkosi! siya kuya kubanina? unawo amazwi obomi obungunapakade. 69Kanjalo tina sikoliwe sazi nokwazi ukuba wena unguye u‐Kristu, unyana katixo opilileyo. 70Wati u‐Yesu ukubapendula: Andaninyula na nina balishumi linababini? kanti kuni omnye ungoka‐Satane. 71Wayesitsho ngo‐Jude Sikariyoti unyana ka‐Simone: ngokuba ebenguye obeza kumngcatsha, engomnye kubo abalishumi linababini.

Выделить

Поделиться

Копировать

None

Хотите, чтобы то, что вы выделили, сохранялось на всех ваших устройствах? Зарегистрируйтесь или авторизуйтесь