YouVersion Logo
Search Icon

uMateyu uMateyu 4

uMateyu 4
1Waza uYesu wenyuswa nguMoya, wasiwa entlango, ukuba ahendwe nguMtyholi. 2Akuba ezile ukutya iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, walamba. 3Efikile ke umhendi kuye, wathi, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka. 4Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu; uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo. 5uMtyholi wamthabatha wamsa kuwo umzi ongcwele, wammisa eluchochoyini lwetempile. 6Athi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, zaye ziya kukufukula ngezandla, hleze ubetheke ngonyawo lwakho eweni ilitye. 7Wathi uYesu kuye, Kubhaliwe kwathiwa, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho. 8Ubuya uMtyholi amthabathe amse entabeni ephakame kakhulu, ambonise zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo; 9Athi kuye, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum. 10Waza wathi uYesu kuye, Suka umke, Sathana, kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa. 11Wasuka ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela. 12Ke kaloku, akuva uYesu ukuba uYohane unikelwe entolongweni, wemka waya kwelaseGalili. 13Esukile eNazarete, weza wahlala eKapernahum, eselunxwemeni lolwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali; 14ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, 15Ilizwe lakwaZebhulon, nelizwe lakwaNafetali, ngasendleleni yaselwandle, phesheya kweYordan, eGalili yeentlanga; 16Abantu abo bahleli ebumnyameni babone ukukhanya okukhulu; nabo babehleli kummandla wethunzi lokufa, ukukhanya bakhanyiselwe. 17Waqala oko uYesu ukumemeza, esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele. 18Uthe ke uYesu, ehamba ngaselwandle lwaseGalili wabona abazalwana ababini, uSimon ekuthiwa nguPetros noAndreya, umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; kuba babengababambisi beentlanzi. 19Athi kubo, Ndilandeleni; ndonenza nibe ngababambisi babantu. 20Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela. 21Uhambele phambili esuka apho, wabona abanye abazalwana ababini, uYakobi unyana kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe, besemkhombeni noZebhedi uyise, belungisa iminatha yabo; wababiza. 22Basishiya kwaoko isikhitshana noyise, bamlandela. 23Waye uYesu elihamba lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini. 24Lwaphuma ke udumo lwakhe lwaya kulo lonke elaseSiriya, babazisa kuye bonke abagulayo ababebanjwe zizifo ngezifo naziintuthumbo ngeentuthumbo, nabaphethwe ziidemon, nabanesithuthwane, nabafe umzimba wabaphilisa. 25Walandelwa zizihlwele ezininzi zivela eGalili, naseDekapoli, naseYerusalem, nakwelakwaYuda, naphesheya kweYordan.

Currently Selected:

uMateyu uMateyu 4: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in