YouVersion Logo
Search Icon

uMateyu uMateyu 3

uMateyu 3
1Ngaloo mihla kweza uYohane umbhaptizi, eshumayela entlango yelakwaYuda, esithi, 2Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele. 3Kuba lo nguye awayethetha yena uIsaya umprofeti, esithi, Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yilungiseni indlela yeNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo. 4Ke uYohane lowo ingubo yakhe ibiyeyoboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; kwaye ke ukudla kwakhe kuziinkumbi nobusi basendle. 5Babephuma ke besiya kuye abaseYerusalem, nabelakwaYuda bonke, nabommandla wonke waseYordan. 6Babhaptizwa nguye eYordan apho, bezixela izono zabo. 7Ke kaloku, akubona into eninzi yabaFarisi nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, wathi kubo, Nzalandini yamarhamba, ngubani na onibonisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo? 8Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; 9Musani ukucinga ukuthi ngaphakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham; kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham. 10Kaloku izembe selibekiwe engcanjini yemithi, ngoko wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle, uyagawulwa, uphoswe emlilweni. 11Mna okunene ndinibhaptizela enguqukweni ngamanzi; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam, ozimbadada ndingakulingeneyo ukuziphatha; yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo; 12Osesandleni sakhe ifolokhwe yakhe isesandleni sakhe, aze asihlambulule isanda sakhe, ayibuthele kuvimba ingqolowa yakhe; Ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimiyo. 13Kuthi ngelo xa afike uYesu eYordan kuYohane, evela eGalili, ukuba abhaptizwe nguye. 14Kodwa uYohane wayemalela, esithi, Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, uza kum na wena? 15Uphendule uYesu wathi kuye, Vuma okwakalokunje; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Waza wamvumela. 16Ebhaptiziwe ke uYesu, wenyuka kwaoko emanzini, lasuka lavuleka izulu kuye, wambona uMoya kaThixo esihla njengehobe, esiza phezu kwakhe. 17Nalo izwi liphuma ezulwini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.

Currently Selected:

uMateyu uMateyu 3: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in