YouVersion Logo
Search Icon

uMateyu uMateyu 2

uMateyu 2
1Ke kaloku, akubon’ ukuba uYesu uzelwe eBhetelehem yelakwaYuda, emihleni kaHerode ukumkani, kwabonakala kufika eYerusalem izazi zivela empumalanga, zisithi, 2Uphi na lo uzelweyo, ukumkani wamaYuda? Kuba sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga, size kumnqula. 3Ezivile ke ezo kumkani uHerode, wakhathazeka, yena nayo yonke iYerusalem naye. 4Wabahlanganisa ke bonke ababingeleli abakhulu nababhali babantu, wababuza ukuba ubeya kuzalelwa phi na uKristu. 5Baza bathi kuye, eBhetelehem yelakwaYuda; kuba kubhaliwe ngokunjalo ngomprofeti kwathiwa, 6Nawe Bhetelehem, mhlaba wakwaYuda, Akunguye nakanye omncinanana phakathi kwabalawuli bakwaYuda, kuba kuwe kuya kuphuma uMlawuli, oya kubalusa abantu bam amaSirayeli. 7Kwakuba njalo, uHerode, ezibize ngasese izazi ezo, waqondisisa kuzo kakuhle ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo; 8Wazithuma ke eBhetelehem, wathi, Hambani niye nicokise ukubuzisa ngomntwana lowo; xa ke nithe namfumana, ze nindibikele, ukuze nam ndiye kumnqula. 9Zimvile ke zona ukumkani, zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga izikhokela, yada yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo. 10Zathi ke, zakuyibona inkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukhulu. 11Zingenile endlwini, zambona umntwana enoMariya unina, zawa phantsi, zaqubuda kuye; igolide, nentlaka yokuqhumisa, nemore. 12Zakuba zihlatyelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngayimbi indlela ukuya ezweni lakowazo. 13Zithe xa zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, ube khona apho ndide ndikuxelele; uya kumfuna umntwana lowo ukuba amtshabalalise. 14Evukile ke yena, wamthabatha umntwana nonina ebusuku, wemka waya eYiputa. 15Waba khona apho wada wabhubha uHerode, ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti isithi, Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa. 16Uthe ke uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo kunene, wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe nangaphantsi, ngokwesiko lazo. Ixesha awayelibuzile ngenkuthalo kwizilumko. 17Kwaza kwazaliseka okwathethwayo ngomprofeti uYeremiya, esithi, 18Kwavakala eRama izwi, isijwili, nesijwili, nesijwili esikhulu, uRakeli elilela abantwana bakhe, engafuni kuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho. 19Uthe ke akuba efile uHerode, sabonakala isithunywa seNkosi sibonakala ephupheni kuYosefu eYiputa. 20Vuka, umthabathe umntwana nonina, uye ezweni lakwaSirayeli; kuba bafile abo babezonda ubomi bomntwana. 21Wavuka ke, wamthabatha umntwana nonina, weza ezweni lakwaSirayeli. 22Uthe ke akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaYuda esikhundleni sikaHerode uyise, woyika ukuya khona; wathi, ehlatyelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kwimimandla yelaseGalili. 23Ufike wahlala emzini ekuthiwa yiNazarete, ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngabaprofeti, kwathiwa, Uya kubizwa ngokuba ungumNazarete.

Currently Selected:

uMateyu uMateyu 2: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in