YouVersion Logo
Search Icon

U‐Jeremiya 32

32
1ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya livela kuyehova ngoweshumi umnyaka ka‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda: umnyaka lowo ubungoweshumi linesibozo umnyaka ka‐Nebukanetsare. 2Ngokuba oko impi yokumkani we‐Babilone ibiṙaula i‐Yerusaleme; no‐Jeremiya umprofite yena ebevalelwe enkundleni yentolongo, ebisendlwini yokumkani wo‐Juda. 3Ngokuba u‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda ebemvalele, esiti: Yinina ukuba uprofiteshe, usiti: Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kunikela isixeko esi esandleni sokumkani we‐Babilone, waeya kusibamba; 4no‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda yena akayi kusinda esandleni sama‐Kaledine, koko eya kunikelwa ngenyaniso esandleni sokumkani we‐Babilone, atete naye umlomo ngakuwo umlomo, ati amehlo ake abone amehlo ake; 5waeya kumsa u‐Zedekiya e‐Babilone, oya kubako kona ndide ndimkangele, utsho uyehova: nakuba nilwayo nama‐Kaledine, aniyi kutamsanqeleka.
6Waza wati u‐Jeremiya: Ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 7Bona ke, u‐Hanamele, unyana ka‐Shalume uyihlokazi wako, uya kuza kuwe, esiti: Zitengele intsimi yam ese‐Hanatote, ngokuba ibango lenkululo lelako, lokuba uyitenge. 8Kwa njalo u‐Hanamele, unyana wobawokazi wam, weza kum, njengelizwi likayehova, enkundleni yentolongo, wati kum: Kautenge intsimi yam ese‐Hanatote, esezweni lakwa‐Benjamine; ngokuba ibango lelifa lelako, nenkululo ikwa yeyako; zitengele yona. Ndaza ndazi ke ukuba lilizwi likayehova eli. 9Ngako ndayitenga intsimi leyo ku‐Hanamele unyana wobawokazi wam, ese‐Hanatote, ndayilinganisela kuye imali, ishekele zesilivere ezilishumi linesixe̔nxe. 10Ndaye ndiba̔la encwadini, ndayincamatisela, ndanqi̔nisa amanqi̔na, ndalinganisa imali esilinganiselweni. 11Ndaza ndayitabata incwadi yentengo, leyo ebincanyatiselwe njengawo umteto nommiso, naleyo ebivulekile. 12Ndandula ndayinika incwadi yentengo ku‐Baruke, unyana ka‐Neriya, unyana ka‐Mahaseya, pambi kwamehlo ka‐Hanamele unyana wobawokazi wam, napambi kwamehlo amanqi̔na abeba̔lile encwadini yentengo, pambi kwamehlo awo onke ama‐Juda abehleli enkundleni yentolongo. 13Ndaza ndamyalela u‐Baruke pambi kwamehlo abo, ngokuti: 14Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Tabata incwadi ezi, lencwadi yentengo, kwa leyo encanyatiselweyo, nalencwadi evulekileyo, uzibekele esityeni sodongwe, zize zimane zibako imihla emininzi. 15Ngokuba esitsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Kwobuya kutengwe izindlu, namasimi, nemiyezo yemiti yeveyine, kwelilizwe.
16Ndaza ndatandaza kuyehova, emveni kwokuba ndibe ndinikile incwadi yentengo ku‐Baruke unyana ka‐Neriya, ndisiti: 17Au, Nkosi Yehova! Bona ke, wena wenzile izulu nomhlaba, ngamandla ako amakulu, nangengalo yako eyolulweyo; akuko nto ekunqabelayo: 18usenza ububele kumawaka, ubuyekeza ukukohlakala kwoyise esifubeni sabantwana babo emva kwabo; utixo omkulu, ongusomandla; nguyehova wemikosi igama lake: 19umkulu ngobucebo, unamandla ngokwenza, omehlo ako avulekile pezu kwazo zonke indlela zonyana babantu, ukuba unike kwabanye ngabanye njengendlela yabo, nanjengesixakato sezenzo zabo: 20obekileyo imiqondiso nemimangaliso elizweni le‐Jipete kwada kwanamhla nje, nakwa‐Sirayeli, napakati kwabanye abantu, waza wazenzela igama, njengokuba kunjalo namhla nje: 21ngokuba wabupumisa abantu bako o‐Sirayeli elizweni le‐Jipete, ngemiqondiso, nangemimangaliso, nangesandla esomeleleyo, nangengalo eyolulweyo, nangesoyikiso esikulu; 22waza wabanika elilizwe, owabufunga koyise babo ukuba wobapa lona, ilizwe elela ubisi nobusi. 23Bada bangena balifuya; kodwa abavanga ilizwi lako, abahambanga ngomteto wako kanjako; konke ububayalela ngako ukuba bakwenze abakwenzanga; kukona ubahlisele lonke elilishwa. 24Bona ke, indulana zifikele isixeko, ukuba sibanjwe; nesixeko sona sinikelwe esandleni sama‐Kaledine, alwayo ngakuso, ngesiṙele, nangendlala, nangesifo esibubisayo; kanjalo oko wakutetayo kuze kubako, nanku wena ubona nje. 25Noko, Nkosi, Yehova! ute kum: Zitengele intsimi ngemali, unqi̔nise amanqi̔na, nakuba isixeko sinikelwe esandleni sama‐Kaledine.
26Landula ilizwi likayehova leza ku‐Jeremiya, lisiti: 27Bona ke, mna ndi nguyehova, utixo woluntu lwonke: kungabako na enye into endinqabelayo? 28Ngako oko utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kunikela isixeko esi esandleni sama‐Kaledine, nasesandleni sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, waeya kusibamba. 29Oti ama‐Kaledine, alwayo ngakuso isixeko esi, eze apembe umlilo kwesisixeko, asitshise; kwa nezindlu abaqu̔misele u‐Bali pezu kwezifulelo zazo, nabatululele otixo bambi iminikelo yokusela, ukuba bandiqumbise. 30Ngokuba usapo luka‐Sirayeli nosapo luka‐Juda lukwenzile oko kukohlakeleyo kupela emehlweni am kwa sebutsheni balo; ngokuba usapo luka‐Sirayeli lundiqumbisile kupela ngomsebenzi wezandla zalo, utsho uyehova. 31Ngokuba sibe siyinto yengqumbo yam nento yobuṙalaṙume bam esisixeko kum, kwa semhleni sakiwa ngawo kwada kwanamhla nje; ukuze ndisisuse ebusweni bam, 32ngenxa yayo yonke inkohlakalo yosapo luka‐Sirayeli, neyosapo luka‐Juda, leyo luyenzileyo ukundiqumbisa; lona, okumkani balo, inkosana zalo, abaperisite balo, nabaprofite balo, namadoda akwa‐Juda, nabemi base‐Yerusaleme. 33Ngokuba bendijikele umhlana, babungebubo ubuso; nangona bendibafundisa, ndivuka kusasa ndifundisa, abapulapulanga noko ukuba balwamkele ululeko; 34koko bebemisa izinto zabo ezizondekileyo endlwini ebizwayo ngegama lam, ukuze bayinco̔lise; 35baye besaka indawo ezipakamileyo zika‐Bali, ezisesihlanjeni sonyana ka‐Hinome, ukuba badlulise onyana babo nentombi zabo emlilweni pambi kwo‐Moleke; into endingabayalelanga ngayo, nengangenanga entliziyweni yam; besenza lentshontsho, ukuze babenze o‐Juda bone.
36Kodwa kaloku ngoko, utsho ukuti uyehova, utixo wo‐Sirayeli, pezu kwesixeko esi, eniti nina ngaso: Sinikelwe esandleni sokumkani we‐Babilone, ngesiṙele, nangendlala, nangesifo esibubisayo: 37Bona ke, ndiya kubabuta kuwo onke amazwe, apo ndibagxotele kona ngengqumbo yam, nangobuṙalaṙume bam, nangomsindo wam omkulu, ndibabuyisele kulendawo, ndibahlalise ngokunqaba. 38Ewe, boba ngabantu bam, nam ndoba ngutixo wabo. 39Ndandiya kubapa intliziyo inye, nendlela inye, ukuba bandoyike mna imihla yonke, kube kukulunga kwabo, nokwabantwana babo emva kwabo. 40Kanjalo ndiya kulwenza nabo ucebano olungunapakade, lwokuba andiyi kubuya kubo, ukubenzela okulungileyo; nokwoyikwa kwam ndokubeka ezintliziyweni zabo, ukuze bangemki kum. 41Ndandiya kugcoba pezu kwabo ukubenzela okulungileyo, ndibatyale kwelilizwe ngenyaniso, ngayo yonke intliziyo yam, nangawo wonke umpefumlo wam.
42Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Njengokuba ndizisile pezu kwababantu lonke elilishwa likulu, kwa njalo ndiya kuzisa pezu kwabo konke ukulunga enditetileyo ngako kubo. 43Kwakuya kutengwa amasimi kwelilizwe, eniti nina ngalo: Liyingcitakalo, kungeko abantu nezilo; linikelwe esandleni sama‐Kaledine. 44Baya kutenga amasimi ngemali, baba̔le encwadini, bayincamatisele, banqi̔nise amanqi̔na elizweni lakwa‐Benjamine, nasemizini engqongayo i‐Yerusaleme, nasezixekweni zakwa‐Juda, nasezixekweni zasezintabeni, nasezixekweni zasezihlanjeni, nasezixekweni zasesuyide; ngokuba ndiya kubuyisa ukutinjwa kwabo, utsho uyehova.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 32: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for U‐Jeremiya 32