Ndandiya kubapa intliziyo inye, nendlela inye, ukuba bandoyike mna imihla yonke, kube kukulunga kwabo, nokwabantwana babo emva kwabo. Kanjalo ndiya kulwenza nabo ucebano olungunapakade, lwokuba andiyi kubuya kubo, ukubenzela okulungileyo; nokwoyikwa kwam ndokubeka ezintliziyweni zabo, ukuze bangemki kum.