koko lulo olu ucebano endiya kulwenza nendlu ka‐Sirayeli, emveni kwalomihla, utsho UYEHOVA: ndiya kubeka umteto wam embilini wabo, napezu kwentliziyo yabo ndowuba̔la; ndandiya kuba NGUTIXO wabo, bati bona babe ngabantu bam. Baye bengayi kubuya bafundise omnye ummelwane wake, nomnye umzalwana wake, besiti: Yazini UYEHOVA; ngokuba beya kundazi bonke, kwa kuye omncinane wabo kude kube kuye omkulu wabo, utsho UYEHOVA; ngokuba ndiya kuxolela ukukohlakala kwabo, nesono sabo andiyi kubuya ndisikumbule.