YouVersion Logo
Search Icon

U‐Jeremiya 31

31
1Ngeloxesha, utsho uyehova, ndoba ngutixo kuzo zonke izizalwane zika‐Sirayeli, zoti zona zibe ngabantu bam. 2Utsho uyehova ukuti: Bafumene ufefe entlango abantu abasindileyo kwisiṙele, kwa o‐Sirayeli, ndakuya ukubanika ukupumla. 3Kudala uyehova wabonakala kum, wati: Ewe, ndikutandile ngotando olungunapakade; ngako oko ndikwolulele ububele. 4Ndobuya ndikwake, wauya kwakiwa, ntombi ipela yakwa‐Sirayeli! uya kubuya uhonjwe ngentambula zako, upumele emdudweni wabanemigcobo. 5Uya kutyala kanjako imiyezo yemiti yeveyine ezintabeni zase‐Samariya: abatyali baya kutyala, nesiqa̔mo baya kusidla. 6Ngokuba kuya kubako umhla, nxa abalindi abasentabeni yakwa‐Frayime baya kubiza, besiti: Sukani, sinyuke siye e‐Ziyone, kuyehova utixo wetu. 7Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Dandulukani ngovuyo ngenxa yo‐Yakobi, nimemeze pakati kwesiyintloko yezizwe; vakalisani, dumisani, niti: Sindisa, Yehova! abantu bako, isisalela so‐Sirayeli. 8Bona ke, ndiya kubavelisa elizweni lasenode, ndibabute kwa semacaleni omhlaba: pakati kwabo kwobako imfama neziqwala, omitiyo noza kuzala kwa kunye; intlanganiso enkulu yobuyela apa. 9Ngokulila baya kuza, nangezikungo ndobakapa; ndiya kubakokela ngasemilanjeni yamanzi, ngendlela elungeleleneyo, abangayi kuku̔beka kuyo; ngokuba ndinguyise ku‐Sirayeli, no‐Frayime ulizibulo lam yena.
10Yivani ilizwi likayehova, nina zizwe! nishumayele eziqitini ezikude, niti: Lowo owacitayo u‐Sirayeli uya kumbuta, amgcine njengokuba umalusi egcina umhlambi wake. 11Ngokuba uyehova emkulule u‐Yakobi; umhlangule esandleni salowo omandla abemakulu kwawake. 12Babeya kuza badanduluke pezu kwendawo epezulu ye‐Ziyone, bele ekulungeni kukayehova, ngenxa yenqolowa, nangenxa yeveyine, nangenxa yeoli, nangenxa yamatole egusha nawenkomo: woti umpefumlo wabo ube njengomyezo ocenceshiweyo; abayi kupinda ukucubuka kanjako. 13Oko intombi ipela iya kuvuya emdudweni, kwa namadodana namaxego kunye; ngokuba ndiya kuguqula ukulila kwabo kube ngumgcobo, ndibatutuzele, ndibavuyise emva kwosizi lwabo. 14Ndandiya kuhlutisa umpefumlo wabaperisite ngobunqata, nabantu bam baya kukoliswa kukulunga kwam, utsho uyehova.
15Utsho uyehova ukuti: Ilizwi, lavakala e‐Rama, isikalo, isililo esiṙaṙa kunene; u‐Rakele elilela abantwana bake, esala ukututuzelwa pezu kwabantwana bake, ngokuba bengaseko. 16Utsho uyehova ukuti: Bamba ilizwi lako ekulileni, namehlo ako ezinyembezini: ngokuba kuko umvuzo kumsebenzi wako, utsho uyehova; ngokuba beya kubuya elizweni lotshaba. 17Kuko kanjalo itemba kokwasemva kwako, utsho uyehova; ngokuba abantwana bako beya kubuyela emdeni wabo.
18Ndivile ngokwenene u‐Frayime ezincwinela, esiti: Undohlwayile, ndaza ndohlwaywa ke, njengenkatyana engaqeliswanga: ndiguqule, ndandiya kuguqulwa; ngokuba wena unguyehova, utixo wam. 19Ngenyaniso, emva kwokuguqulwa kwam, ndaba nosizi, nasemva kwokwaziswa kwam, ndatywakaza etangeni; bendidanile, ewe, ndamatiswa kanjalo, ngokokuba ndatwala ihlazo lobutsha bam. 20U‐Frayime asi nguye na unyana onqabileyo kum? asi nguye na umntwana weziyolo? ngokuba kwa kuseloko ndabenditeta ngakuye, ndisamkumbula ngenyaniso; ngako oko amatumbu am ayaxuxuzela pezu kwake; ndoba netaṙu ngakuye ngokwenene, utsho uyehova.
21Zipakamisele intsika, zimisele izibonda ezide, bekela intliziyo yako emendweni, endleleni wabuhamba ngayo: buya, ntombi ipela yakwa‐Sirayeli! buyela kuzo izixeko zako ezi. 22Kude kube ninina uya kupalapala, wena ntombi epambukayo? ngokuba uyehova edalile into entsha emhlabeni: inkazana iya kupahla indoda.
23Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Kwoba kusatshiwo elilizwi elizweni lase‐Juda, nasezixekweni zayo, nxa ndibuyisayo ukutinjwa kwabo, lokuti: Wanga uyehova angakutamsanqela, wena ntlalo yobulungisa, ntaba yobungcwele! 24Babeya kuhlala kulo o‐Juda nazo zonke izixeko zabo kunye, abalimi nabo bahambayo nomhlambi. 25Ngokuba ndihlutisile umpefumlo odiniweyo, nayo yonke imipefumlo ecubukileyo ndiyizalisile. 26Pezu kwoku ndavuka, ndakangela, nobutongo bam bona bebumnandi kum.
27Bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, nxa ndiya kuhlwayela indlu ka‐Sirayeli, nendlu ka‐Juda, ngembewu yabantu nangembewu yezilo. 28Kwakuya kuti, njengokuba ndilindile pezu kwabo, ukudonyula, nokucita, nokuwisa, nokutshabalalisa, nokubandezela; kwa njalo ndiya kulinda pezu kwabo, ukwaka, nokutyala, utsho uyehova.
29Kuleyomihla abasayi kuti: Oyise bazityile idreyive ezimuncu, nabantwana amazinyo abo ayateleziswa. 30Koko bonke ngabanye baya kufa ngenxa yokwabo ukukohlakala; bonke abantu abatyayo idreyive ezimuncu amazinyo abo aya kuteleziswa.
31Bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, nxa ndiya kwenzela indlu ka‐Sirayeli, nendlu ka‐Juda, ucebano olutsha: 32kungenjengalo ucebano endalwenzayo noyise babo, emhleni ndabendibamba isandla sabo, ukuba ndibapumise elizweni le‐Jipete; abati ucebano lwam balwapula, nakuba benditshatile nabo, utsho uyehova; 33koko lulo olu ucebano endiya kulwenza nendlu ka‐Sirayeli, emveni kwalomihla, utsho uyehova: ndiya kubeka umteto wam embilini wabo, napezu kwentliziyo yabo ndowuba̔la; ndandiya kuba ngutixo wabo, bati bona babe ngabantu bam. 34Baye bengayi kubuya bafundise omnye ummelwane wake, nomnye umzalwana wake, besiti: Yazini uyehova; ngokuba beya kundazi bonke, kwa kuye omncinane wabo kude kube kuye omkulu wabo, utsho uyehova; ngokuba ndiya kuxolela ukukohlakala kwabo, nesono sabo andiyi kubuya ndisikumbule.
35Utsho ukuti uyehova, owanika ilanga libe sisikanyiso ngemini, imimiso yenyanga neyenkwenkwezi zibe sisikanyiso ngobusuku, ozolisayo ulwandle, nxa amaza alo agqumayo; nguyehova wemikosi igama lake: 36Ukuba lemimiso iya kumka ebusweni bam, utsho uyehova, iya kupela nenzalo ka‐Sirayeli ingabi sisizwe pambi kwam imihla yonke. 37Utsho uyehova ukuti: Ukuba amazulu pezulu angalinganiswa, nokuba imisekelo yomhlaba ezantsi ingapengululwa, kanjalo nam ndiya kulahla yonke inzalo ka‐Sirayeli, ngenxa yako konke abakwenzileyo, utsho uyehova.
38Bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, nxa isixeko siya kwakelwa uyehova, kwa kuyo inqaba ye‐Hananele kude kube kulo isango legumbi. 39Yaiya kubuya ipume intambo yokulinganisa malungana naso pezu kwenduli ye‐Garebe, ijikelele ngase‐Gohate. 40Nawo wonke umhlambo wemizimba efileyo, nowotutu, nawo onke amasimi kude kube ngumlanjana we‐Kidrone, kude kube ligumbi lesango lamahashe ngasempumalanga, zonke ezondawo zoba ngcwele kuyehova: asiyi kudonyulwa, asiyi kubuya siwiswe kanjalo, kude kube ngunapakade.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 31: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in