YouVersion Logo
Search Icon

KUMAHEBHERE 2

2
Inkuthazo
1Kuyafuneka ke ngoko ukuba silumke, sibambelele nkqi emfundisweni esiyivileyo, hleze siluthuzeliswe. 2Kaloku ukuba udaba olweza nezithunywa zezulu lwalulukhulu kangangokuba ukulutyeshela nokuludela bekuzisa isohlwayo esifaneleyo, 3singaphuncuka njani ke thina xa siludela olungaka lona usindiso? YiNkosi ngokwayo eluvakalisileyo olu sindiso kuqala, baza ke abo bayivileyo babungqina ubunyani balo kuthi. 4UThixo ke yena wongezelela ubungqina babo ngemiqondiso, imimangaliso, nangezenzo ezibonakalisa amandla akhe, ebanika neziphiwo zikaMoya oyiNgcwele ngohlobo athande ngalo.
Umbingeleli onovelwano nothembekileyo
5UThixo kaloku akalinikanga izithunywa zakhe igunya lokulawula ilizwe elizayo – ngumxholo esithetha ngawo ke lowo. 6Kukho indawo ekubhalwe kuyo *eziBhalweni kwathiwa:
“Uyintoni na umntu, Thixo, le nto ude uzidube kangaka ngaye?
Kutheni le nto ude uzikhathaze ngento nje engumntu?
7Umbeke ngaphantsi kuhle nje kwizithunywa zakho.
Umthe jize ngesihomo nesithozela.
8Umnike igunya lokulawula zonke izinto.”
Ukuba ke uThixo umnike igunya lokulawula zonke izinto, akukho nanye into engekho ngaphantsi kolawulo lwakhe. Kambe ke ngenene, asikaziboni zonke izinto ziphantsi kwegunya lomntu okwangoku. 9Nanku ke kodwa uYesu. Yena wabekwa ngaphantsi kuhle nje kwizithunywa zikaThixo. Ngoku uthiwe jize ngesihomo nesithozela, kuba ngenxa yesisa sikaThixo wavuma ukufa ngenxa yoluntu lonke. 10Njengoko ke uThixo, ezikholo yena, zikho ngaye zonke izinto, ethande ukubanika iwonga abantwana bakhe abaninzi, bekufanelekile ukuba amsulungekisele ubunkokheli ngokuva ubunzima uYesu, lowo wayeza kubakhokelela elusindisweni. 11Kaloku lowo ukhaphela kuThixo kwanabo bakhatshelwayo ngabamlibo mnye. Yiyo ke le nto uYesu angenazintloni ukuthi abantu ngabantakwabo 12apho athi:
“Ndolivakalisa, Thixo, igama lakho kubantakwethu;
ndikudumise esidlangalaleni sabantu bakaThixo.”
13Uphinda athi:
“Ndilibeka kuThixo ithemba lam;”
aze aphinde athi:
“Ndim lo, ndikunye nabantwana andinike bona uThixo.”
14Abantwana ke abo ngabantu. Naye ke uYesu waba ngumntu njengabo, khon' ukuze ngokufa kwakhe atshitshise igunya likaSathana lokuvuyelela abantu ngokufa. 15Ngale ndlela ke wabakhulula abantu nakwiimbophelelo zokoyika ukufa ababephantsi kwazo bonke ubomi babo. 16Ke aba abancedayo asizozithunywa zezulu, ngabantu abayinzala ka-Abraham. 17Ngoko ke ubemele ukuba afane nqwa nabantakwabo, khon' ukuze abe ngumbingeleli onovelwano nothembekileyo emsebenzini kaThixo, onako ukungxengxezela izono zabantu. 18Kaloku yena nanjengamntu oselephumelele ebunzimeni bokulingwa, unako ukubanceda abo basalingwayo.

Currently Selected:

KUMAHEBHERE 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in