1
KUMAHEBHERE 2:18
IBHAYIBHILE
Kaloku yena nanjengamntu oselephumelele ebunzimeni bokulingwa, unako ukubanceda abo basalingwayo.
Compare
Explore KUMAHEBHERE 2:18
2
KUMAHEBHERE 2:14
Abantwana ke abo ngabantu. Naye ke uYesu waba ngumntu njengabo, khon' ukuze ngokufa kwakhe atshitshise igunya likaSathana lokuvuyelela abantu ngokufa.
Explore KUMAHEBHERE 2:14
3
KUMAHEBHERE 2:1
Kuyafuneka ke ngoko ukuba silumke, sibambelele nkqi emfundisweni esiyivileyo, hleze siluthuzeliswe.
Explore KUMAHEBHERE 2:1
4
KUMAHEBHERE 2:17
Ngoko ke ubemele ukuba afane nqwa nabantakwabo, khon' ukuze abe ngumbingeleli onovelwano nothembekileyo emsebenzini kaThixo, onako ukungxengxezela izono zabantu.
Explore KUMAHEBHERE 2:17
5
KUMAHEBHERE 2:9
Nanku ke kodwa uYesu. Yena wabekwa ngaphantsi kuhle nje kwizithunywa zikaThixo. Ngoku uthiwe jize ngesihomo nesithozela, kuba ngenxa yesisa sikaThixo wavuma ukufa ngenxa yoluntu lonke.
Explore KUMAHEBHERE 2:9
Home
Bible
Plans
Videos