YouVersion Logo
Search Icon

KUMAHEBHERE 1

1
Isingeniso
1Amaxesha ngamaxesha mandulo uThixo wathetha nookhokho bethu ngeendlela ezahlukeneyo ngomlomo *wabashumayeli. 2Kodwa ke kula maxesha okugqibela uthethe nathi ngoNyana wakhe. UThixo wammisela ukuba abe yindlalifa yezinto zonke, kwaye futhi ihlabathi liphela walidala ngaye. 3Ewe, uNyana lo uphuhlisa ubungangalala bukaThixo, ibe ke yena noThixo bangumceph' ucandiwe. Ihlabathi lixhaswe nguye ngamandla elizwi lakhe. Uthe ke akuba elwenzile uxolelo lwezono wahlala ewongeni kwaThixo kweliphezulu. 4Kaloku uNyana yena mkhulu kunezithunywa zezulu, kwaye ke uzuze negama elibalaseleyo kunelazo.
UNyana mkhulu kunezithunywa
5UThixo akukho sithunywa wakha wathi kuso:
“UnguNyana wam wena,
ndikuzele namhlanje;”
engazange atsho nokuthi:
“Ndiya kuba nguYise,
yena abe nguNyana wam.”
6Kwakhona ekuyiziseni kwakhe ehlabathini inkulu yakhe uThixo wathi:
“Mazinqule yena zonke izithunywa zikaThixo.”
7Ngokubhekiselele kwizithunywa zikaThixo kuthiwa:
“Ulowenza imimoya izithunywa zakhe,
nemibane elenyayo ibe zizicaka zakhe. ”
8Kodwa uthi mayela noNyana:
“Kambe, ulawulo lwakho, Thixo, àluphele ndawo!
Kwaye futhi wena ulawula ngobulungisa.
9Ungumathand' ubulungisa,
uyithiyile inkohlakalo.
Ngenxa yaloo nto ke, Thixo,
uThixo wakho ukuthambisile.
Ewe, ukuthe jize ngesihomo nesithozela
esingaphezulu kwesoogxa bakho.”
10Uphinda athi:
“Nguwe, Nkosi, owalidalayo ihlabathi ekuqalekeni;
amazulu ênziwa zizandla zakho.
11Xa zizonke ziya kudlula,
kodwa wena uhlala uhleli;
ziya kuguga njengeempahla.
12Uya kuzisonga njengeengubo,
zona ziya kutshintshwa njengesambatho;
ube wena ungaguquki,
ube wena ungagugi.”
13UThixo zange atsho nakusinye isithunywa ukuthi:
“Hlala ngakum kweli wonga
lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.”
14Kakade ke ngoobani izithunywa? Zingoomoya abathunywa nguThixo, benceda abo baziindlalifa zosindiso.

Currently Selected:

KUMAHEBHERE 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in