YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEKORINTE I 11

11
1Yibani ngabaxelisa mna, njengokuba nam ndixelisa uKristu.
Ukugqubuthela kwabafazi ezinkonzweni
2Ke kaloku ndiyanidumisa, bazalwana, kuba nindikhumbula ngeendawo zonke, nizibambile izithethe, njengoko ndaninikelayo.
3Kodwa ke ndithanda ukuba nazi, ukuba intloko yomntu wonke oyindoda nguKristu, intloko ke yomfazi yindoda, intloko ke kaKristu nguThixo. 4Umntu wonke oyindoda, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, enento entloko, uyayihlaza intloko yakhe. 5Umntu wonke ke ongumfazi, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, engenasigqubuthelo entloko, uyayihlaza eyakhe intloko; kuba oko kuntonye nokuba uchetyiwe.
6Kuba umfazi, ukuba akagqubuthele, makaselenquthulwa nokunquthulwa. Ke ukuba kulihlazo kumfazi ukuba anquthulwe, mhlawumbi achetywe, makabe nesigqubuthelo. 7Kuba indoda okunene ayifanele ukuba nesigqubuthelo entloko, ekubeni ingumfanekiselo nozuko lukaThixo; ke yena umfazi luzuko lwendoda. 8Kuba indoda ayiphume emfazini, ngumfazi ophume endodeni; 9kuba indoda ayidalwanga ngenxa yomfazi, kwadalwa umfazi ngenxa yendoda. 10Ngenxa yoko umfazi ufanele ukuba abe nomqondiso wegunya phezu kwentloko, ngenxa yezithunywa zezulu.
11Kodwa eNkosini apha indoda ayingaphandle komfazi, nomfazi akangaphandle kwendoda; 12kuba, njengokuba umfazi ephumé kwindoda, ngokunjalo nayo indoda ingaye umfazi; konke ke oko kuphumé kuThixo.
13Yahlulani nina ngaphakathi kwenu; kumfanele na umfazi ukuthandaza kuThixo, engagqubuthele? 14Kananjalo imvelo ngokwayo ayinifundisi na, ukuba indoda okunene ethi ibe neenwele ezinde, kulihlazo oko kuyo? 15Ke yena umfazi, ukuba uthi abe neenwele ezinde, kuluzuko oko kuye; ngokuba wazinikwa iinwele ezinde endaweni yesigqubuthelo.
16Ke ukuba ubani ubonakala ethanda ukuphika, thina asinasiko linjalo, kwanawo amabandla kaThixo.
Ukuhlambela isidlo
17Ke kaloku, ndinithethela le ndawo nje, andinincomi, ukuba ukuhlangana kwenu ndawonye akusingisi kokhona kulungileyo; kusingisa kokhona kubi. 18Kuba kuqala ke, nakuhlangana ebandleni, ndiyeva ukuba kubakho izahlukahlukano phakathi kwenu; ndithi ke kufanele ukuba zikho. 19Kuba kumele ukuba kubekho nezahlukano phakathi kwenu, ukuze abacikidekileyo babonakale phakathi kwenu.
20Xenikweni ngoko nithe nahlangana ndawonye, asikuko ukuba nídle isidlo seNkosi; 21kuba ekudleni kwenu elowo udla okwakhe ukudla; uqala adle, bengekafiki abanye, aze omnye alambe, omnye anxile. 22Kanene aninazindlu na zokudlela nokusela? Okanye nidela ibandla likaThixo na, nibadanisa nje abangenanto? Ndíthini na kuni? Ndínidumise na kule nto? Andinidumisi.
23Kuba mna ndakwamkela kuyo iNkosi oko ndikunikeleyo nokukunikela kuni: Okokuba iNkosi uYesu, ngobusuku eyanikelwa ngabo, yathabatha isonka; 24yaza yakuba ibulele, yasiqhekeza, yathi, Thabathani, ndile, ngumzimba wam lo, owaphulelwa nina; oku kwenzeleni ukundikhumbula. 25Kwangokunjalo yathabatha nayo indebe, emva kokuba kudliwe, isithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam; ngamaxesha onke enisukuba niyisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula. 26Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike.
27Ngoko ke, osukuba esidla eso sonka, ayisele indebe yeNkosi, ngokungafanelekileyo, woba netyala lomzimba negazi leNkosi. 28Makazicikide ke ngokwakhe umntu, aze ngokunjalo adle kwisonka eso, asele kwindebe leyo; 29kuba lowo udlayo, uselayo, ngokungafanelekileyo, uzidlela aziselele ukugwetywa, engawucaluli nje umzimba weNkosi. 30Ngenxa yoku baninzi phakathi kwenu abaswele amandla, nabayimilwelwe, banelè nabalele ukufa. 31Kuba xa besizicalula, ngesiba asigwetywa. 32Sigwetywa nje ke, siyaqeqeshwa yiNkosi, ukuze singasingelwa phantsi ndawonye nehlabathi.
33Ngoko ke, bazalwana bam, xa nihlangene ndawonye ukuba nidle, lindanani. 34Ukuba ke ubani ulambile, makadle ekhaya, ukuze ningahlanganeli ukugwetywa. Eziseleyo ke iindawo ndozilungisa, xa ndithe ndafika.

Currently Selected:

KWABASEKORINTE I 11: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy