YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEKORINTE I 12

12
Iintlobontlobo nobunye bezipho ezizezoMoya
1Ke ngezipho ezizezoMoya, bazalwana, andithandi ukuba ningàzi. 2Niyazi ukuba nibe ningabeentlanga, nikhukuliselwe ezithixweni ezingenakuthetha, njengoko nisakuthi nikhokelwe ngako. 3Kungoko ndinazisayo, okokuba akukho namnye, ethetha ekuMoya kaThixo, unokuthi ungosingelwe phantsi uYesu; kanjalo akukho namnye unako ukuthi úyiNkosi uYesu, engekuye uMoya oyiNgcwele.
4Ke kaloku kukho izabelo ngezabelo zezibabalo, kodwa ke ikwanguloo Moya mnye. 5Kukho nezabelo ngezabelo zezilungiselelo, phofu ikwayiloo Nkosi inye. 6Kukho nezabelo ngezabelo zeentsebenzo, kodwa ke ikwanguloo Thixo mnye uzisebenzayo izinto zonke kubo bonke.
7Elowo ke uphiwa ukubonakalalisa uMoya, kuze kubekho okulungele bonke; 8kuba omnye okunene uphiwa ngaye uMoya ilizwi lobulumko; kodwa ke omnye, ilizwi lokwazi kwangokwaloo Moya; 9wumbi ke uphiwa ukholo kwangaloo Moya; omnye ke, izibabalo zeziphiliso kwangaloo Moya; 10omnye ke uphiwa iintsebenzo zemisebenzi yamandla; omnye ke iziprofeto; omnye ke, ukucalula oomoya; wumbi ke, iintlobo zeelwimi; omnye ke, ukucaciswa kweelwimi.
11Zonke ke ezo zinto zisetyenzwa kwangaloo Moya mnye; umabela elowo ngokwakhe njengoko athandayo.
Ukuzekelisa ngomzimba
12Kuba, kwanjengokuba umzimba umnye, unamalungu amaninzi, abe ke onke amalungu aloo mzimba mnye, emaninzi nje, emzimba mnye, ukwanjalo ke noKristu lo. 13Kuba thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike; nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo; 14sonke sasezwa Moyeni mnye; kuba nomzimba lo ungèlungu linye, ungamaninzi.
15Ukuba luthe unyawo, Ngokuba ndingesiso isandla, andingowasemzimbeni, lúthi, ngenxa yoko, lungabi lolwasemzimbeni na? 16Nokuba ithe indlebe, Ngokuba ndingelilo iliso, andingowasemzimbeni, íthi, ngenxa yoko, ingabi yeyasemzimbeni na? 17Ukuba umzimba lo uphela ubuliliso, bekuya kuba phi na ukuva? Ukuba ubukukuva uphela, bekuya kuba phi na ukusezela?
18Kungoku ke uThixo wawamisa amalungu, lalelo nelo emzimbeni, njengoko wathandayo. 19Ukuba ke onke ebelungu linye, ubuya kuba phi na umzimba? 20Kungoku ke maninzi okunene amalungu, kodwa mnye wona umzimba. 21Alinako ke iliso ukuthi kwisandla, Akufuneki kum; kanjalo intloko ayinakuthi kwiinyawo, Anifuneki kum.
22Asuka amalungu omzimba angáthi ngaswele amandla kwamanye, abe ngawona afunekayo. 23Namalungu omzimba esiba ngaswele imbeko kunamanye, lawo ngawona siwabeka embekweni; aze amalungu ethu ahloniphekayo, abe ngawona abekekileyo. 24Amalungu ethu ke abekekileyo akufuneki nto kuwo. Usuke uThixo wawumanya umzimba, wathi ilungu elingento walibeka kweyona mbeko inkulu; 25ukuze kungabikho kwahlukahlukana emzimbeni, kubekho ukunyamekelana kwamalungu ngakunye; 26kuthi, nokuba lilungu elinye eliva ubunzima, avelane amalungu onke; nokuba lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke.
27Nina ke ningumzimba kaKristu, ningamalungu ngokwabelwa izabelo. 28Wathi inxenye uThixo wayimisa ebandleni, kuqala yangabapostile,• okwesibini abaprofeti, okwesithathu abafundisi; kwaza kwaba yimisebenzi yamandla, kwaba zizibabalo zeziphiliso, iintsizo, izilawulo, iintlobo zeelwimi. 29Bangabapostile bonke yini na? Bangabaprofeti bonke yini na? Bangabafundisi bonke yini na? Bangabenzi bemisebenzi yamandla bonke yini na? 30Banezibabalo zeziphiliso bonke yini na? Bathetha ngalwimi zimbi bonke yini na? Bacacisa intetho bonke yini na?
31Zondelelani ke ezona zibabalo zilungileyo; kanti ke ndisanibonisa eyona ndlela incamisileyo.

Currently Selected:

KWABASEKORINTE I 12: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy