YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEKORINTE I 10

10
Isiyalo esivela kwibali lamaSirayeli
1Ke andithandi ukuba ningâzi, bazalwana, ukuba oobawo babephantsi kwalo ilifu bonke; balucanda ulwandle bonke; 2babhaptizelwa bonke kuye uMoses efini elo naselwandle; 3badla bonke oko kudla kunye kukokomoya; 4basela bonke olo luselo lunye lulolomoya (kuba babesela kwiliwa elilelomoya elibe libalandela, iliwa elo ke lalinguye uKristu). 5Kanti noko uThixo akakholiswanga ngabona baninzi; kuba bathiwa waca entlango apho.
6Ezo zinto ke zabe ziyimizekelo kuthi, ukuze singabi ngabakhanuki bezinto ezimbi, njengokuba bakhanukáyo bona abo. 7Kanjalo musani ukuba ngababusi bezithixo, njengenxenye yabo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abantu bahlala phantsi ukuba badle, basele, baza besuka bema ukuba badlale. 8Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenza umbulo, kwawa ngamininye amawaka amashumi mabini anamathathu. 9Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka. 10Kanjalo musani ukukrokra, njengokuba inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi.
11Zonke ke ezo zinto, zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade. 12Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi. 13Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.
Unqulo-zithixo malucezelwe
14Kungoko ndithi, zintánda zam, kubalekeni ukubusa izithixo. 15Ndithetha njengakwiingqondi; kucaluleni nina endikuthethayo.
16Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asibubudlelane na begazi likaKristu? Isonka esi sisiqhekezayo, asibubudlelane na bomzimba kaKristu? 17Ngokuba thina, síbaninzi nje, sìsonka sinye, símzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye. 18Khangelani abangamaSirayeli ngokwenyama. Abo bawadlayo amadini, àbadlelani nesibingelelo eso, yini na?
19Ndíthini na ke ngoko? Ndíthi, isithixo siyinto na? Ndíthi, amadini enzelwa izithixo ayinto na? 20Anditsho! Ndìthi, Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iidemon, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needemon nina. 21Aninako ukusela indebe yeNkosi nendebe yeedemon; aninako ukwabelana ngesithebe seNkosi nesithebe seedemon. 22Siyayikhweletisa na iNkosi? Sinamandla kunayo, yini na?
23Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke; zonke izinto zivumelekile kum, noko azakhi zonke. 24Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; elowo makafune nokomnye.
25Yonke into ethengelwa endaweni yokuthenga inyama, yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela; 26kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.
27Ukuba ke ubani wakubo abangakholwayo uthi animeme, nithande ukuya, yonke into ebekwa phambi kwenu yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela. 28Kodwa ke ukuba ubani uthe kuni, Le nto ilidini elenzelwe izithixo, musani ukudla, ngenxa ke yalowo uyithe thupha loo ndawo, nangenxa yesazela; kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo. 29Ndithi, isazela ke, singesiso esakho wena; sisesomnye lowo. Kuba yini na ukuba inkululeko yam igwetywe sesinye isazela? 30Ke ukuba mna ndidla ndibulela, yini na ukuba ndinyeliswe ngenxa yoko ndikubulelayo mna?
31Ke ngoko nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke. 32Yibani ngabangebawisi nakumaYuda, nakumaGrike, nakulo ibandla likaThixo; 33njengokuba nam ndikholisa bonke ezintweni zonke, ndingafuni okwam ukulungelwa, ndifuna okwabaninzi, ukuze basindiswe.

Currently Selected:

KWABASEKORINTE I 10: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in