uLuka 7:7-9
uLuka 7:7-9 CXB24
Kungoko nam ndingakufanelanga ukuda ndize kuwe; thetha ngezwi lodwa, sophiliswa isicaka sam. Kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; ndithi kweliya, Yiza, lize; nakumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze. Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, wajika, wathi kwindimbane ebimlandela, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli.