1
UYOHANE 10:10
IBHAYIBHILE
Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo.
Сравнить
Изучить UYOHANE 10:10
2
UYOHANE 10:11
“Mna ndingumalusi olungileyo. Umalusi olungileyo ubuncamela iigusha zakhe ubomi bakhe.
Изучить UYOHANE 10:11
3
UYOHANE 10:27
Ezam iigusha ziyaliva izwi lam. Ibe ke ndiyazazi; zona ziyandilandela.
Изучить UYOHANE 10:27
4
UYOHANE 10:28
Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum.
Изучить UYOHANE 10:28
5
UYOHANE 10:9
Ndim isango; othe wangena ngam wosindiswa. Wongena ephuma, atye anele.
Изучить UYOHANE 10:9
6
UYOHANE 10:14-15
Ndim umalusi olungileyo. Njengokuba uBawo endazi mna, nam ndimazi uBawo, ngokukwanjalo ndiyazazi iigusha zam, nazo ziyandazi, ndaye nobomi bam ndibuncamela iigusha zam.
Изучить UYOHANE 10:14-15
7
UYOHANE 10:29-30
Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye. Ke mna noBawo sibanye.”
Изучить UYOHANE 10:29-30
8
9
UYOHANE 10:18
Akukho bani ubuhluthayo kum ubomi bam; ndibuncama ngokwam. Ndinelungelo lokubuncama; ndikwanalo nelokubuya ndibufumane. Yiyo ke leyo into endiyiyalelweyo nguBawo ukuba ndiyenze.”
Изучить UYOHANE 10:18
10
UYOHANE 10:7
Wabuya wathetha nabo uYesu, wathi: “Ndithi kuni, inene, ndim isango lesibaya seegusha.
Изучить UYOHANE 10:7
11
UYOHANE 10:12
Kodwa umqeshwa, ongenguye umninizo, owalusa nje kwagusha, uthi akubona ingcuka isiza, abaleke, azishiye; ifike ke ingcuka, izibambe iigusha, izichitha-chithe.
Изучить UYOHANE 10:12
12
UYOHANE 10:1
“Inene, lowo ungangeniyo ngesango esibayeni seegusha, kodwa usuka angene ngandawo yimbi, ulisela nesihange.
Изучить UYOHANE 10:1
Главная
Библия
Планы
Видео