Logotipo da YouVersion
Ícone de Pesquisa

uYohane uYohane 1

uYohane 1
1Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo. 2Yena lowo ebekho kwasekuqalekeni kuThixo. 3Izinto zonke zabakho ngaye; engekho yena, akubangakho nanye into ethe yabakho. 4Kuye kwakukho ubomi; baye obo bomi baba lukhanyiso eluntwini. 5Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo. 6Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane. 7Yena weza kungqina, engqinela ukukhanya, ukuze bonke bakholwe ngaye. 8Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso. 9Lowo ulukhanyiso lwenene olukhanyisela wonke umntu, wayesiza ehlabathini. 10Ube esehlabathini ke, ihlabathi labakho ngaye, kodwa ihlabathi alamazi. 11Weza kwabakhe, baza abakhe abamamkelanga. 12Ke bonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe; 13Abangazalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo. 14uLizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso. 15uYohane wangqina ngoLizwi; wadanduluka esithi, Ubenguye lo bendithetha yena, ndisithi, Lowo uzayo emva kwam, usuke waba phambi kwam, ngokuba waye etanci kum. 16Enzalisekweni yakhe thina sonke samkela kwaubabalo phezu kobabalo. 17Ngokuba umthetho wawiswa ngoMoses, lwabakho lona ubabalo nenyaniso ngoYesu Kristu. 18Akukho namnye wakha wambona uThixo; uNyana okuphela kwamzeleyo, lowo usesifubeni sikaYise, nguye ocacise oko. 19Nabu ke ubungqina bukaYohane, oko amaYuda athuma ababingeleli nabaLevi, bephuma eYerusalem, ukuze bambuze besithi, Wena ungubani na? 20Wavuma yena, akakhanyela; wavuma ke esithi, Andinguye uKristu mna. 21Bambuza, besithi, Untoni na ke? UnguEliya na? Wathi yena, Andinguye. Unguye na umprofeti lowo? Wathi yena, Hayi. 22Athi ngoko kuye, Ungubani na? ukuze sibaphendule abo basithumileyo. Uthini na wena ngawe? 23Wathi, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti. 24Baye abo babethunyiwe bengabakubo abaFarisi. 25Bambuza bathi kuye, Ubhaptizelani na phofu, ukuba wena akunguye uKristu, noEliya, nomprofeti lowo? 26Wabaphendula uYohane wathi, Mna ndibhaptiza ngamanzi, kodwa phakathi kwenu kumi eningamaziyo nina. 27Yena ngothe, esiza emva kwam nje, wesuka waba phambi kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndinyobulule umtya wembadada yakhe. 28Ezi zinto zenzeka eBhetabhara, phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona. 29Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi. 30Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi, kwam; ngokuba yayitanci kum. 31Ke nam bendingamazi; le nto ndeza mna, ndibhaptiza ngamanzi, kukuze ibonakalaliswe kuSirayeli. 32uYohane wangqina, esithi, Ndimbonile uMoya, esihla njengehobe, ephuma ezulwini, wahlala phezu kwakhe. 33Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’ 34Nam ndibonile, ndingqinile, ukuba lo nguye uNyana kaThixo. 35Ngengomso ubuye wema uYohane nababini kubafundi bakhe; 36ondele kuYesu ehamba, uthi, Nantso iMvana kaThixo. 37Bamva ethetha abafundi ababini, bamlandela uYesu. 38Ke kaloku ujikile uYesu, ababone belandela, athi kubo, Nifuna ntoni na? Bathi ke bona kuye, Rabhi (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Mfundisi), uhlala phi na? 39Athi kubo, Yizani nibone. Beza, babona ke apho ahlala khona; bahlala naye loo mini; 40YayinguAndreya, umntakwabo-Simon Petros, omnye wâbo bafundi babini beva ngoYohane, baza bamlandela uYesu. 41Yena ufumana kuqala owakhe umzalwana, uSimon, athi kuye, Simfumene uMesiya (oko kukuthi ngentetho evakalayo, uKristu). 42Wamsa kuYesu; uthe ke uYesu wondela kuye, wathi, Wena unguSimon, unyana kaYona; kuya kuthiwa unguKefas, oko kukuthi ngentetho evakalayo, unguKefas. 43Ngengomso uYesu wafuna ukuphuma aye kwelaseGalili; ufumana uFilipu, athi kuye, Ndilandele. 44Ke uFilipu ebengowaseBhetesayida, idolophu yakuloAndreya noPetros. 45uFilipu ufumana uNataniyeli, athi kuye, Lowo uMoses wabhala ngaye emthethweni, kwanabaprofeti, simfumene, uYesu unyana kaYosefu, lowo waseNazarete. 46Wathi uNataniyeli kuye, Inako na into elungileyo ukuphuma eNazarete? Athi uFilipu kuye, Yiza ubone. 47uYesu wambona uNataniyeli esiza kuye, athi ngaye, Nanko umSirayeli inyaniso, ekungekho nkohliso kuye. 48Athi uNataniyeli kuye, Undazi ngantoni na? Waphendula uYesu wathi kuye, Phambi kokuba uFilipu akubize, uphantsi komkhiwane, ndandikubona. 49Aphendule uNataniyeli athi kuye, Rabhi, wena unguye uNyana kaThixo; wena unguye uKumkani wakwaSirayeli. 50Waphendula uYesu wathi kuye, Ngokuba ndithe kuwe, Ndandikubona uphantsi komkhiwane, uyakholwa na? uya kubona izinto ezinkulu kunezi. 51Athi kuye, Inene, inene, ndithi kuni, Emveni koku niya kulibona izulu livulekile, nezithunywa zikaThixo zinyuka zisihla phezu koNyana woMntu.

Atualmente Selecionado:

uYohane uYohane 1: CXB24

Destaque

Compartilhar

Copiar

None

Quer salvar seus destaques em todos os seus dispositivos? Cadastre-se ou faça o login