IGENESIS 11
11
Inqaba yaseBhabheli
1Ke kaloku lonke ihlabathi libe lintetho-nye, limazwi manye. 2Kwathi, ekundulukeni kwabo besinga empumalanga, bafumana ithafa ezweni laseShinare; bahlala khona. Bathi abanye kwabanye, Yizani, senze izitena, sizitshise kunene. 3Baba nezitena endaweni yamatye, nebhitumene• endaweni yodaka. 4Bathi, Yizani, sizakhele umzi, nepoma lenqaba elincopho isemazulwini; sizenzele igama, hleze sichithakalele ehlabathini lonke.
5UYehova wehla, eza kukhangela umzi lowo, nenqaba leyo inde, bayakhayo oonyana boluntu. 6Wathi uYehova, Yabona, abantu banye, bantetho-nye bonke bephela; yingqalo ke le yokwenza kwabo; kaloku abayi kunqatyelwa nto bayinkqangiyeleyo ukuyenza. 7Yizani, sihle, sidube khona apho intetho yabo, ngokokuze bangevani ngentetho. 8UYehova wabachithachitha kwalapho ehlabathini lonke; bayeka ukuwakha loo mzi. 9Ngenxa yoko kwathiwa igama lawo yiBhabheli;• ngokuba uYehova wayiduba khona apho intetho yehlabathi lonke, wabachithachitha kwalapho uYehova ehlabathini lonke.
Inzala kaShem kude kuye kuma kuAbram
10Yiyo le ke inzala kaShem: uShem ubeminyaka ilikhulu ezelwe, wazala uArpakishadi, iminyaka emibini emveni konogumbe. 11UShem wahlala emveni kokuzala kwakhe uArpakishadi iminyaka emakhulu mahlanu, wazala oonyana neentombi.
12UArpakishadi wahlala iminyaka emashumi mathathu anamihlanu, wazala uShela. 13UArpakishadi wahlala emveni kokuzala kwakhe uShela iminyaka emakhulu mané anamathathu, wazala oonyana neentombi.
14UShela wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uEbhere. 15UShela wahlala emveni kokuzala kwakhe uEbhere iminyaka emakhulu mané anamithathu, wazala oonyana neentombi.
16UEbhere wahlala iminyaka emashumi mathathu anaminé, wazala uPelege. 17UEbhere wahlala emveni kokuzala kwakhe uPelege iminyaka emakhulu mané anamanci mathathu, wazala oonyana neentombi.
18UPelege wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uRehu. 19UPelege wahlala emveni kokuzala kwakhe uRehu iminyaka emakhulu mabini anesithoba, wazala oonyana neentombi.
20URehu wahlala iminyaka emashumi mathathu anamibini, wazala uSerugi. 21URehu wahlala emveni kokuzala kwakhe uSerugi iminyaka emakhulu mabini anesixhenxe, wazala oonyana neentombi.
22USerugi wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uNahore. 23USerugi wahlala emveni kokuzala kwakhe uNahore iminyaka emakhulu mabini, wazala oonyana neentombi.
24UNahore wahlala iminyaka emashumi mabini anesithoba, wazala uTera. 25UNahore wahlala emveni kokuzala kwakhe uTera iminyaka elikhulu elinashumi-nye linesithoba, wazala oonyana neentombi.
26UTera wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uAbram, noNahore, noHaran.
27Yiyo le ke inzala kaTera: uTera wazala uAbram, noNahore, noHaran; uHaran wazala uLote. 28Wafa uHaran esekho uTera uyise, ezweni lokuzalwa kwakhe, eUre yamaKaledi. 29UAbram noNahore bazeka abafazi; igama lomka-Abram lalinguSarayi; igama lomkaNahore lalinguMilka, intombi kaHaran, usoMilka, usoYiska. 30USarayi ebengazali, engenamntwana.
31UTera wamthabatha uAbram, unyana wakhe, noLote unyana kaHaran, unyana wonyana wakhe, noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram unyana wakhe, baphuma nabo eUre yamaKaledi, besiya ezweni lakwaKanan; bafika kwelakwaHaran, bahlala khona. 32Imihla kaTera yaba yiminyaka emakhulu mabini anamihlanu; wafa uTera kwelakwaHaran.
Atualmente Selecionado:
IGENESIS 11: XHO75
Destaque
Compartilhar
Copiar
Quer salvar seus destaques em todos os seus dispositivos? Cadastre-se ou faça o login
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.