Ivangeli ka‐Johane 4
4
1XESHEKWENI ngoko yabisazi inkosi ukuba abafarisi beva kusitwa u‐Yesu ugqitisile u‐Johane ngokwenza nangokubapitizesha abadisipile, 2(nangona bekungengu‐Yesu ngokwake obebapitizesha, bekungabadisipile bake,) 3washiya i‐Judeya, wabuya wemkela e‐Galili. 4Ebefanele ukuti ke acande i‐Samariya.
5Weza kufika ngoko esixekweni sase‐Samariya esi‐kutiwa yi‐Sikare, kufupi nesahlulo somhlaba esanikwayo ngu‐Yakobi kunyana wake u‐Josefe. 6Kekaloku umtombo ka‐Yakobi ubukona. U‐Yesu ngoko, ediniwe ngokuhamba kwake, ebehleli njalo ngasemtonjeni. Ibiyiyure yanga yeyesitandatu.
7Weza umfazi wase‐Samariya ukuza kuka̔ amanzi. Wati u‐Yesu kuye: Ndipe ndisele. 8(Ngokuba abadisipile bake bebemkile ukuya esixekweni, ukuze batenge ukutya.) 9Wandula wati umfazi wase‐Samariya kuye: Yinina ukuba wena ungum‐Juda nje ucele ukusela kum, ondingum‐Samariyakazi? (Ngokuba ama‐Juda engadlelani nama‐Samariya.)
10Wapendula u‐Yesu wati kuye: Ukuba ubusazi isipo sikatixo, nokuba ungubanina oti kuwe: Ndipe ndisele; unga ucele kuye, waye enga ete yena wakupa amanzi apilileyo. 11Wati umfazi kuye: Nkosi! akunanto yokuka̔ ngayo; kanjalo iqula linzulu: uwazuza pina ngoko lamanzi apilileyo? 12umkulu wena kubawo wetu u‐Yakobi na, owasipa eliqula, wasela kulo yena ngokwake, nosapo lwake, nenkomo zake?
13Wapendula u‐Yesu wati kuye: Osukuba esela kuwo amanzi la, wobuya anxanwe: 14kodwa lowo usukuba esela kulomanzi aya kuwapiwa ndim, akasayi kuza anxanwe napakade; koko lomanzi endiya kumpa wona, oba pakati kwake engumtombo wamanzi empompozela ebomini obungunapakade. 15Wati umfazi kuye: Nkosi! ndipe lamanzi, ukuze ndinganxanwa, ndingezi nokuza apa ukuka̔.
16Wati u‐Yesu kuye: Hamba, biza indoda yako, uze apa. 17Wapendula umfazi wati: Andinandoda.
Wati u‐Yesu kuye: Ulungisile ukuti: Andinandoda: 18ngokuba ubunamadoda amahlanu; nangoku leyo unayo ayiyindoda yako: unyanisile ukutsho oko. 19Wati umfazi kuye: Nkosi! ndiyabona ukuba ungumprofite. 20Obawo betu babedesha kulentaba; nani niti ise‐Yerusaleme indawo apo kufanele ukubedesha kona.
21Wati u‐Yesu kuye: Mfazi! kolwa ndim, ukuba ixeshana liyeza, xeshekweni ningayi kuti nakulentaba nase‐Yerusaleme nimbedeshe uyise. 22Nina niyabedesha eningakwaziyo: tina siyabedesha esikwaziyo; ngokuba usindiso luvela kuma‐Juda. 23Koko ixeshana lisiza, ewe liko ngoku, xeshekweni ababedeshi abayinyaniso baya kumbedesha uyise ngomoya nangenyaniso: ngokuba noyise efuna ukuba abambedeshayo babe ngabanjalo. 24Utixo ungumoya; nabo bambedeshayo, bafanele ukubedesha ngomoya nangenyaniso.
25Wati umfazi kuye: Ndiyazi ukuba u‐Mesiya uyeza; (o‐kutiwa ngu‐Kristu;) xeshekweni kufika lowo, wosishumayeza into zonke. 26Wati u‐Yesu kuye: Mna nditetayo kuwe ndinguye.
27Bati pezu kwoku bafika abadisipile bake, bati nqa ukuba ebeteta nomfazi: kodwa noko bekungeko owatshoyo ukuti: Ufuna nto nina? umhlaumbi ukuti: Yinina ukuba utete naye?
28Wandula umfazi washiya umpanda wake, wemka waya esixekweni, wati ebantwini: 29Yizani, nibone umntu, owandixelelayo zonke izinto endike ndazenza: lo unguye u‐Kristu na? 30Bandula bapuma esixekweni, beza ukuza kuye.
31Kekaloku pakati kwoku abadisipile bake bebemtandaza, besiti: Rabi! yidla. 32Koko wati kubo: Mna ndinokutya ndikudle, eningakwaziyo nina. 33Bebesiti ngoko abadisipile omnye kwomnye: Kuko omziseleyo into yokudla na?
34Wati u‐Yesu kubo: Ukutya kwam kokokuba ndiyenze intando yonditumileyo, nokuba ndiwufeze umsebenzi wake. 35Anitsho na ukuti: Kuseko inyanga ezine, kwandul’ ukufika ukuvuna? bona ke, nditi kuni: Pakamisani amehlo enu, nikangele amasimi, ukuba asel’ emhlope kuvunwe. 36Uti novunayo uwamkele umvuzo, azibute izixakato zibe zezobomi obungunapakade; ukuze kwa nohlwayelayo novunayo bavuye kunye. 37Nakuko oku siyazalisekiswa esositeto esiyinyaniso sokuti: Kuko omnye ohlwayelayo, nomnye ovunayo. 38Ndanituma ukuvuna oko ningakusebenzelanga; abanye basebenzile, nani ningenile emisebenzini yabo.
39Kekaloku ama‐Samariya amaninzi akwesosixeko akolwa kuye, ngenxa yelizwi lomfazi obenqi̔na ngokuti: Wandixelela zonke izinto endike ndazenza. 40Kwa njalo xeshekweni ama‐Samariya atika kuye, ebemtandaza ukuba ahlale kuwo; waza wahlala kona intsuku zambini. 41Aza amanye amaninzi ngakumbi akolwa ngenxa yelizwi lake, 42ati kumfazi: Akusengenxa yokuteta kwako sikolwayo; ngokuba sivile tina ngokwetu, sazi nokwazi ukuba lo unguye ngenyaniso umsindisi welizwe, u‐Kristu.
43Wati kekaloku emveni kwezontsuku mbini wapuma kona, wemka waya e‐Galili. 44Ngokuba u‐Yesu ngokwake ebenqi̔nele ukuba umprofite akanakubekwa emzini wakowabo. 45Xeshekweni ke wafika e‐Galili, ati ama‐Galili amamkela, ezibonile nje zonke izinto wazenzayo e‐Yerusaleme emtendelekweni: ngokuba nawo ebeye emtendelekweni. 46Kwa njalo u‐Yesu wabuya weza e‐Kana yase‐Galili, apo abewenzile amanzi iveyine.
Kwabekuko inkosana etile unyana wayo ebesifa e‐Kapenayume. 47Yati yona le yakuva ukuba u‐Yesu ebepumile e‐Judeya wafika e‐Galili, yaya kuye, yamtandaza ukuba ehle ampilise unyana wayo: ngokuba ebeza kufa. 48Wandula wati u‐Yesu kuyo: Xeshekweni ningaboni imiqondiso nemimangaliso, anisayi kukolwa. 49Yati inkosana kuye: Nkosi! yihla engekabubi umntwana wam. 50Wati u‐Yesu kuyo: Hamba; unyana wako upilile. Waza umntu lowo wakolwa lilizwi abelitetile kuye u‐Yesu, wahamba. 51Kekaloku nxa ebesehla, izicaka zake zamkaulela, zashumayela zisiti: Umntwana wako upilile. 52Wandula wabuza kuzo iyure waqilipala ngayo. Zaza zati kuye: Izolo ngeyure yesixe̔nxe icesine lamyeka. 53Wazi ngoko uyise ukuba bekungaleyo iyure abetshilo u‐Yesu kuye ngayo ukuti: Unyana wako upilile. Waza wakolwa yena, nendlu yake yonke. 54Lo kanjako ummangaliso wesibini wawenza u‐Yesu, akuba ebevele e‐Judeya wafika e‐Galili.
Obecnie wybrane:
Ivangeli ka‐Johane 4: XHO1902A
Podkreślenie
Udostępnij
Kopiuj
Chcesz, aby twoje zakreślenia były zapisywane na wszystkich twoich urządzeniach? Zarejestruj się lub zaloguj
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.