I‐Genesise 6

6
1KWAYE kute, bakuba abantu sebeqalile ukwanda pezu kwomhlaba, nokuba babezalelwe intombi, 2bandula onyana bakatixo babona intombi zabantu ukuba zintle, bazizekela abafazi kuzo zonke abaziqashayo.
3Waza wati uyehova: U‐Moya wam akayi kumana epikisana nomntu ngonapakade, kwa sekubeni eyinyama yena; kodwa imihla yake yoba yiminyaka ibe likulu elinamashumi mabini.
4Yabiko imindondosholo emhlabeni ngezontsuku; nakanjako emveni kwoko, xeshekweni onyana bakatixo bangena kuzo intombi zabantu, zaza zazala abantwana kubo: abati bona baba ngamaṙoti abengawakudala, amadoda adumileyo.
5Waye utixo wabona ukuba inkohlakalo yabantu inkulu emhlabeni, nokuba konke ukucinga kwenkumbulo zentliziyo zabo kukohlakele kodwa imihla yonke. 6Waza wanosizi uyehova ukuba ebenzile umntu emhlabeni, kwaye kububuhlungu kuye entliziyweni yake. 7Wandula wati uyehova: Umntu, lowo endimdalileyo, ndiya kumcita ebusweni bomhlaba; kwa umntu, nenkomo, nesinambuzane, nentaka zezulu; ngokuba kulusizi kum ukuba ndizenzile. 8Kuloko u‐Nowa wafumana ufefe emehlweni kayehova.
9EZI zizizizukulwana zika‐Nowa. U‐Nowa ebeyindoda elungileyo, efezekile ezizukulwaneni zake: wahamba notixo u‐Nowa lowo. 10Wayezala u‐Nowa onyana babatatu, u‐Sheme, u‐Hame, no‐Jafete. 11Waube umhlaba wonakele ebusweni bukatixo; wabuzele umhlaba bubudlwengu. 12Waza utixo wakangela umhlaba; bona ke, wawonakele; ngokuba uluntu lonke lube lwonakalisile indlela yalo pezu kwomhlaba.
13Ngako wati utixo ku‐Nowa: Ukupela kwoluntu lonke kufikile pambi kwam; ngokuba umhlaba uzele bubudlwengu ngalo: kanjalo, bona ke, ndiya kulutshabalalisa kunye nomhlaba. 14Zenzele wena inqanawa ngemiti yego?-?iere; izindlu uya kuzenza enqanaweni, uze uyiqabe pakati nangapandle ngetywina. 15Kungokunje uya kuyenza: Zoba zikubite ezingamakulu matatu ubude benqanawa, nekubite ezingamashumi mahlanu ububanzi bayo, nekubite ezingamashumi matatu ubupakamo bayo. 16Ifenstile uya kuyenzela inqanawa leyo: kungekubite inye uya kuyigqiba pezulu; nocango lwenqanawa uya kulubeka ecaleni layo; uya kuyenza ineyasezantsi, neyesibini, neyesitatu indawo. 17Ngokuba mna, bona ke, ndiza kwa mna ukuzisa umsingakazi wamanzi pezu kwomhlaba, kuze kutshatyalaliswe inyama yonke, ekukuyo umpefumlo wobomi, kwa pantsi kwezulu; konke okusemhlabeni kuya kububa. 18Ndiya kumisa kodwa ucebano lwam nawe; wauya kungena enqanaweni wena, nonyana bako, nomfazi wako, nabafazi bonyana bako kunye nawe. 19Nakuzo zonke izinto ezinokudliwa kwobomi, kwinyama yonke, uya kungenisa ngambini kuzo zonke intlobo, zize zipiliswe kuwe: yoba yinkunzi nemazi. 20Kwintaka ngemmilo yazo, nakwinkomo ngemmilo yazo, nakuzo zonke izinambuzane zomhlaba ngemmilo yazo, kwoba zimbini kuzo zonke ngezinye eziya kungena kuwe, ukuba kupiliswe. 21Uze wena uzitabatele kuko konke ukutya okutyiwayo, ukubutele kuwe; kwakuya kuba kukutya kuwe nakuzo.
22Wenje njalo u‐Nowa; njengoko konke abemyalele ngako Utixo, wenza kwa ngokunjalo.

सध्या निवडलेले:

I‐Genesise 6: XHO1902A

ठळक

सामायिक करा

कॉपी करा

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in