I‐Genesise 5

5
1NASI isibalelwa sezizukulwana zika‐Adame. Emhleni utixo wamdala umntu, wamenza ngemfuzo katixo. 2Wabadala indoda nomfazi, wabatamsanqela, wababiza ngegama elingumntu, ngomhla wokudalwa kwabo.
3Wahlala u‐Adame iminyaka yalikulu elinamashumi matatu, waza wazala unyana ngemfuzo yake, njengomfanekiso wake, wambiza ngegama elingu‐Shete. 4Yaibe imihla ka‐Adame, emveni kwokuzala kwake u‐Shete, ibiyiminyaka ingamakulu asibozo; wayezala onyana nentombi. 5Yonke imihla ka‐Adame, abehleli ngayo, ibiyiminyaka ingamakulu alitoba anamashumi matatu; wada wafa.
6Wahlala u‐Shete iminyaka yalikulu elinesihlanu, waza wamzala u‐Enoshe. 7Waye u‐Shete wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Enoshe, iminyaka yamakulu esibozo anesixe̔nxe, wazala onyana nentombi. 8Yonke imihla ka‐Shete ibiyiminyaka ingamakulu alitoba aneshumi linamibini; wada wafa.
9Wahlala u‐Enoshe iminyaka yangamashumi alitoba, waza wamzala u‐Kenane. 10Waye u‐Enoshe wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Kenane, iminyaka yamakulu asibozo aneshumi linesihlanu, wazala onyana nentombi. 11Yonke imihla ka‐Enoshe ibiyiminyaka ingamakulu alitoba anamihlanu wada wafa.
12Wahlala u‐Kenane iminyaka yangamashumi asixe̔nxe, waza wamzala u‐Mahalalele. 13Waye u‐Kenane wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Mahalalele, iminyaka yamakulu asibozo anamashumi mane, wazala onyana nentombi. 14Yonke imihla ka‐Kenane ibiyiminyaka ingamakulu alitoba aneshumi linye; wada wafa.
15Wahlala u‐Mahalalele iminyaka yangamashumi matandatu anesihlanu, waza wamzala u‐Yeredi. 16Waye u‐Mahalalele wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Yeredi, iminyaka yamakulu asibozo anamashumi matatu, wazala onyana nentombi. 17Yonke imihla ka‐Mahalalele ibiyiminyaka ingamakulu asibozo anamashumi alitoba anesihlanu; wada wafa.
18Wahlala u‐Yeredi iminyaka yalikulu elinamashumi matandatu anesibini, waza wamzala u‐Enoki. 19Waye u‐Yeredi wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Enoki, iminyaka yamakulu asibozo, wazala onyana nentombi. 20Yonke imihla ka‐Yeredi ibiyiminyaka ingamakulu alitoba anamashumi matandatu anesibini; wada wafa.
21Wahlala u‐Enoki iminyaka yangamashumi matandatu anamihlanu, waza wamzala u‐Metushela. 22Waye u‐Enoki wahamba notixo, emveni kwokuzala kwake u‐Metushela, iminyaka yamakulu matatu, wazala onyana nentombi. 23Yonke imihla ka‐Enoki ibiyiminyaka ingamakulu matatu anamashumi matandatu anamihlanu. 24Waye u‐Enoki wahamba notixo; wada akabi sabiko, ngokuba utixo emsusile.
25Wahlala u‐Metushela iminyaka yalikulu elinamashumi asibozo anesixe̔nxe, waza wamzala u‐Lameki. 26Waye u‐Metushela wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Lameki, iminyaka yamakulu asixe̔nxe anamashumi asibozo enamibini, wazala onyana nentombi. 27Yonke imihla ka‐Metushela ibiyiminyaka ingamakulu alitoba anamashumi matandatu anesitoba; wada wafa.
28Wahlala u‐Lameki iminyaka yalikulu elinamashumi asibozo enesibini, waza wazala unyana, 29wamtiya igama elingu‐Nowa#5:29 Oko kukuti: Ukwonwaba., esiti: Lo uya kusonwabisa pezu kwomsebenzi wetu, napezu kwomzamo wezandla zetu, ngenxa yomhlaba owawuqalekisayo uyehova. 30Waye u‐Lameki wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Nowa, iminyaka yamakulu mahlanu anamashumi alitoba enamihlanu, wazala onyana nentombi. 31Yonke imihla ka‐Lameki ibiyiminyaka ingamakulu asixe̔nxe anamashumi asixe̔nxe enesixe̔nxe; wada wafa.
32Kekaloku u‐Nowa ebeyiminyaka yamakulu mahlanu ubudala bake; waza u‐Nowa wazala u‐Sheme, u‐Hame, no‐Jafete.

सध्या निवडलेले:

I‐Genesise 5: XHO1902A

ठळक

सामायिक करा

कॉपी करा

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in