1
I‐Genesise 3:6
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Wati akubona umfazi ukuba umti lowo umnandi ukutyiwa, nokuba utandeka emehlweni, kwa umti onokukanukwa ukulumkisa, wandula watabata kwisiqa̔mo sawo, watya ke; wanika nendoda yake kunye naye, eyatya nayo.
താരതമ്യം
I‐Genesise 3:6 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
2
I‐Genesise 3:1
KEKALOKU inyoka ibinamaqokolo ngapezu kwazo zonke izilo zasendle, abezenzile UYEHOVA UTIXO. Yada yati emfazini: Kanene utshilo na UTIXO ukuti: Aniyi kutya kuyo yonke imiti yalomyezo?
I‐Genesise 3:1 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
3
I‐Genesise 3:15
ndandiya kumisa ubutshaba pakati kwako nomfazi, napakati kwenzalo yako nenzalo yake; iya kukutyumza intloko yona, uti wena uyityumze isitende.
I‐Genesise 3:15 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
4
I‐Genesise 3:16
Wati kumfazi: Ndiya kwandisa kakulu usizi lwokumita kwako; uya kuzala abantwana ngosizi; kwoti ukukanuka kwako kube ngasendodeni yako, iti yona ikwongame.
I‐Genesise 3:16 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
5
I‐Genesise 3:19
Ngokubila kwobuso bako uya kutya isonka, ude ubuyele emhlabeni; ngokuba kwa kuwo ubucatshulwa: ngokuba ulutuli wena, wauya kubuyela elutulini kanjako.
I‐Genesise 3:19 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
6
I‐Genesise 3:17
Wayesiti ku‐Adame: Ngokokuba ubupulapula ilizwi lomfazi wako, watya kulomti ndabendikuyalela ngawo, ndisiti: Ungatyi kuwo; uqalekisiwe umhlaba ngenxa yako; uya kutya okwawo ngosizi yonke imihla yokudla kwako ubomi.
I‐Genesise 3:17 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
7
I‐Genesise 3:11
Wayesiti: Utyelwe ngubanina ukuba uzé? Utyile na kulomti endandikuyalela ngawo ukuba ungatyi kuwo?
I‐Genesise 3:11 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
8
I‐Genesise 3:24
Waza wamgxotela pandle umntu; wazimisa ngasempumalanga yomyezo wase‐Hedeni ikerubime, nesiṙele esibulangatye esijikajikayo, kuze kugcinwe indlela yawo umti wobomi.
I‐Genesise 3:24 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
9
I‐Genesise 3:20
Waye u‐Adame wambiza umfazi wake ngegama elingu‐Eva; ngokuba yena ebengunina wabo bonke abapilileyo.
I‐Genesise 3:20 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
ആദ്യത്തെ സ്ക്രീൻ
വേദപുസ്തകം
പദ്ധതികൾ
വീഡിയോകൾ