1
IGENESIS 22:14
IZIBHALO EZINGCWELE
UAbraham wathi igama laloo ndawo linguYehova-ozibonelayo, ekuthiwa nanamhla, Entabeni abonakala kuyo uYehova.
താരതമ്യം
IGENESIS 22:14 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
2
IGENESIS 22:2
Wathi, Khawuthabathe unyana wakho, emnye kuwe, omthandayo, uIsake, uhambe uye ezweni laseMoriya, umnyuse khona abe lidini elinyukayo, phezu kwentaba endokuxelela yona.
IGENESIS 22:2 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
3
IGENESIS 22:12
Wathi, Ndilapha. Sathi, Musa ukusisa isandla sakho kumfana, musa ukumenza nto, kuba ndiyazi ngoku ukuba ùyamoyika uThixo; akunqabanga nonyana wakho kum, emnye kuwe.
IGENESIS 22:12 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
4
IGENESIS 22:8
Wathi uAbraham, UThixo wozibonela imvu yedini elinyukayo, nyana wam. Bahamba bobabini ndawonye.
IGENESIS 22:8 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
5
IGENESIS 22:17-18
ukuba ndiya kukusikelela ndikusikelele; ndiya kuyandisa ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; imbewu yakho ilidle ilifa isango leentshaba zayo; zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi, ngenxa enokuba uliphulaphule ilizwi lam.
IGENESIS 22:17-18 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
6
IGENESIS 22:1
Kwathi emveni kwezo nto, uThixo wamvavanya uAbraham, wathi kuye, Abraham; wathi yena, Ndilapha.
IGENESIS 22:1 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
7
IGENESIS 22:11
Samemeza kuye isithunywa sikaYehova sisemazulwini, sathi, Abraham, Abraham.
IGENESIS 22:11 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
8
IGENESIS 22:15-16
Samemeza isithunywa sikaYehova kuAbraham okwesibini sisemazulwini, sathi, Ndizifungile, utsho uYehova, ngenxa enokuba uyenzile le nto, akwanqaba nonyana wakho, emnye kuwe
IGENESIS 22:15-16 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
9
IGENESIS 22:9
Bafika endaweni abemxelele yona uThixo, wákha khona uAbraham isibingelelo, wazicwangcisa iinkuni, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka esibingelelweni phezu kweenkuni.
IGENESIS 22:9 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
ഭവനം
വേദപുസ്തകം
പദ്ധതികൾ
വീഡിയോകൾ