Ivangeli ka‐Johane 2

2
1KWAZA ngomhla wesitatu kwabako umtshato e‐Kana yase‐Galili; waye unina ka‐Yesu ebekona. 2Kwamenywa no‐Yesu, nabadisipile bake, ukuza emtshatweni. 3Kwati kwakupela iveyine, wati unina ka‐Yesu kuye: Abanaveyine. 4Wati u‐Yesu kuye: Ndiyinto nina kuwe, Mfazi? alikafiki ixeshana lam. 5Wati unina kubakonzi: Into asukuba eyitsho kuni, yenzeni. 6Kwaye kumi kona imipanda yelitye mitandatu, ngesiko lokuhlambulula kwama‐Juda, ibamba ngeminye ibate zimbini umhlaumbi zintatu. 7Wati u‐Yesu kubo: Zalisani imipanda ngamanzi. Bayizalisa ke kwada kwakuwo umpeto. 8Waza wati kubo: Tululani kaloku, nitwalele kumpati womtendeleko. Batwala ke. 9Kekaloku nxa umpati womtendeleko ebevile lomanzi abenzwe iveyine, engazi ukuba ivela pina; (kodwa bebesazi abakonzi abebetulule amanzi:) umpati womtendeleko wambiza umyeni, 10wati kuye: Bonke abantu bayabeka iveyine elungileyo kuqala; bati xeshekweni kukolisile ukuselwa, bandule babeke leyo imbi kuyo: wena uyigcinile iveyine elungileyo kwada kwakaloku.
11Oku ukuqala kwemimangaliso yake wakwenza u‐Yesu e‐Kana yase‐Galili, wabonakalisa ubungewalisa bake; baza bakolwa kuye abadisipile bake.
12Emveni kwoku wehla waya e‐Kapenayume, yena, nonina, nabazalwana bake, nabadisipile bake: baza bahlala kona intsuku ezingeninzi.
13KWAYE kube kuba kufupi ipasika yama‐Juda, wati u‐Yesu wenyukela e‐Yerusaleme. 14Waza wabafumana etempileni abebetengisa ngenkabi nangezimvu nangamahobe, nabananisi bemali behleli. 15Wati akuba ebenze iziniya ngentanjana, wabagxota bonke etempileni, kwa nezimvu nenkabi, wapalaza imali yabananeli, netafile zabo wazipenula; 16nabo abebetengisa ngamahobe watsho kubo ukuti: Susani apa ezizinto: ningayenzi indlu kabawo indlu yentengo. 17Baza bakumbula abadisipile bake ukuba kuba̔liwe ukuti: Ukuzondelela kwam indlu yako undidlile.
18Andula apendula ama‐Juda ati kuye: Ngumqondiso mnina usibonisa wona, usenza ezizinto nje? 19Wapendula u‐Yesu wati kuwo: Ci̔tani itempile le, ndandiya kubuya ndiyimise pakati kwentsuku ntatu. 20Andula ati ama‐Juda: Yiminyaka emashumi mane anamitandatu itempile le ibisakiwa ngayo; nawe woyimisa pakati kwentsuku ntatu na? 21Kodwa yena ebesitsho ngayo itempile yomzimba wake. 22Ngako okuya abevukile ekufeni, bakumbula abadisipile bake ukuba ebekutsho oku kubo: baza bakolwa sisiba̔lo, nalilizwi abelitetile u‐Yesu.
23Kekaloku xeshekweni ebese‐Yerusaleme epasikeni, emtendelekweni, abaninzi bakolwa egameni lake, bebona imimangaliso yake abeyenza. 24Kodwa u‐Yesu ngokwake ebengazinikeli kubo, ngenxa yokuba ebesazi abantu bonke, 25nangokuba ebengasweli ukuba kunqi̔nwe mntu ngoluntu; kuba ebesazi ngokwake oko kube kuko ebantwini.

하이라이트

공유

복사

None

모든 기기에 하이라이트를 저장하고 싶으신가요? 회원가입 혹은 로그인하세요