Logo YouVersion
Îcone de recherche

IGENESIS 19

19
ULote wamkela izithunywa ezibini eSodom
1Zafika izithunywa ezo zozibini eSodom ngokuhlwa, uLote ehleli esangweni leSodom. ULote wazibona, wesuka waya kuzikhawulela, waqubuda ngobuso emhlabeni. 2Wathi, Khanibone, zinkosi zam! Khaniphambukele endlwini yomkhonzi wenu, nilale, nihlambe iinyawo zenu, nivuke kusasa, nihambe indlela yenu. Zathi, Hayi, solala esitratweni. 3Wazijoka kunene, zaphambukela kuye, zangena endlwini yakhe; wazenzela isidlo, woja nezonka ezingenagwele, zadla.
4Ke kaloku, zingekalali, amadoda aloo mzi, amadoda aseSodom, ayirhawula indlu, ethabathela kumfana esa kwixhego, bonke abantu bevela nasekupheleni kwawo. 5Bambiza uLote, bathi kuye, Aphi na amadoda angene kuwe ngobu busuku? Wakhuphele kuthi, siwazi. 6Waphuma uLote waya kubo emnyango, 7waluvala ucango emva kwakhe, wathi, Musani ukwenza into embi, bazalwana. 8Khanibone, ndineentombi ezimbini ezingazani nandoda; mandikhuphele zona kuni, nenze kuzo ngoko kulungileyo emehlweni enu. Ke kula madoda musani ukwenza nto, kuba angene ngenxa yoko emthunzini wophahla lwam.
9Bathi, Khwelela; batsho bathi, Lo wezayo ngokuphambukela uhlala egweba; ngoku sokuphatha kakubi wena kunawo. Besuka indulumbane phezu kwendoda uLote, basondela, beza kuluqhekeza ucango. 10Amadoda lawo asolula isandla sawo, amngenisa uLote kuwo endlwini, aluvala ucango. 11Awabetha ngobumfama amadoda abesemnyango wendlu, ethabathela kwencinane esa kwenkulu, azidinisa ke ukufuna umnyango.
Ukutshatyalaliswa kweSodom neGomora; intsabo kaLote
12Athi amadoda lawo kuLote, Ùsenabani na apha? Umyeni, noonyana bakho, neentombi zakho, nabo bonke onabo kulo mzi, bakhuphe kule ndawo; 13ngokuba siya kuyonakalisa le ndawo, ngokuba síkhulu isikhalo sabo ebusweni bukaYehova. UYehova usithume ukuba siyonakalise. 14Waphuma uLote, wathetha kubayeni beentombi zakhe, abaya kuzeka iintombi zakhe, wathi, Sukani, niphume kule ndawo; ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi. Ùsuke waba njengohlekisayo emehlweni abayeni beentombi zakhe.
15Izithunywa zamngxamisa uLote ngesifingo, zathi, Vuka, thabatha umkakho, neentombi zakho zombini, aba banokufumaneka, hleze ubhebhethwe ngobugwenxa baló mzi. 16Wazilazila; amadoda abamba isandla sakhe, nesandla somkakhe, nesandla seentombi zakhe zombini; uYehova emvela, amkhupha, amyeka ngaphandle komzi.
17Akuba emkhuphele phandle, athi, Zisindise ngenxa yomphefumlo wakho. Musa ukubheka emva kwakho, musa ukuma kuwo wonke lo mmandla; zisindise ngokuya entabeni, hleze ubhebhethwe. 18Wathi kuwo uLote, Hayi, Nkosi yam. 19Khawubone, umkhonzi wakho umbabale. Ùyikhulisile inceba yakho ondenzeleyo, ukuba uwusindise umphefumlo wam; mna ke andinako ukuzisindisa ngokuya entabeni, hleze ndinanyathelwe bububi, ndife. 20Khawubone, lo mzi ukufuphi, ukuba kubalekelwe kuwo, mncinane; ndanga ndingazisindisa ngokuya kuwo (awumncinane na?), usinde umphefumlo wam. 21Wathi kuye, Yabona, ndikunonelele nangale nto, ukuba ndingawubhukuqi lo mzi uthethe ngawo. 22Khawuleza, zisindise ngokuya khona, kuba andinakwenza nto ude ufike khona. Ngenxa yoko igama laloo mzi kwathiwa yiTsohare.• 23Ilanga lalise liphumile phezu kwehlabathi, ukufika kukaLote eTsohare.
24Wanisa ke uYehova phezu kweSodom neGomora isulfure nomlilo ophuma kuYehova emazulwini; 25wayibhukuqa loo mizi, nawo wonke loo mmandla, nabo bonke abemi baloo mizi, nesihlumo somhlaba. 26Kodwa umkakhe, esemva kwakhe, wakhangela ngasemva, waba yintsika yetyuwa. 27UAbraham wavuka kusasa, waya kuloo ndawo wayemi kuyo ebusweni bukaYehova. 28Wondela eSodom neGomora, nakulo lonke ilizwe laloo mmandla. Wakhangela; nango unyuka umsi welo zwe, njengomsi weziko lemfutho.
29Kwathi, xenikweni uThixo wayonakalisayo imizi yaloo mmandla, uThixo wamkhumbula uAbraham, wamkhupha uLote phakathi kobhukuqo olo, ekuyibhukuqeni imizi leyo abehleli kuyo uLote.
30Wenyuka uLote ephuma eTsohare, wahlala entabeni, eneentombi zakhe zombini, kuba ebesoyika ukuhlala eTsohare; wahlala emqolombeni, yena neentombi zakhe zombini. 31Yathi eyamazibulo kwencinane, Ubawo waluphele; akukho ndoda ezweni apha yokusingena ngokwendlela yehlabathi lonke; 32yiza, simseze ubawo iwayini, silale naye, sigcine imbewu ngobawo. 33Zamseza ke uyise iwayini ngobo busuku; yangena eyamazibulo, yalala noyise; akayazanga yena ukulala kwayo nokuvuka kwayo. 34Kwathi ngengomso, yathi eyamazibulo kwencinane, Yabona, ndilele nobawo phezolo; masimseze iwayini nangobu busuku, ungene, ulale naye, ukuba sigcine imbewu ngobawo. 35Zamseza ke uyise iwayini nangobo busuku, yasuka encinane yalala naye; akayazanga yena ukulala kwayo nokuvuka kwayo.
36Zamitha zombini iintombi zikaLote ngoyise. 37Eyamazibulo yazala unyana, yambiza ngegama elinguMowabhi;• yena nguyise wamaMowabhi unanamhla. 38Nencinane yazala unyana, yambiza ngegama elinguBhen-ami;• yena nguyise wonyana baka-Amon unanamhla.

Sélection en cours:

IGENESIS 19: XHO75

Surbrillance

Partager

Copier

None

Tu souhaites voir tes moments forts enregistrés sur tous tes appareils? Inscris-toi ou connecte-toi

Vidéo pour IGENESIS 19